Crime & SafetyLocalNews

Kubhaqwe izinja zihleza amathambo omntu

12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024

(This story is not for sensitive readers)

Monwabisi Khininda

Kukrokreleka ukuba amathambo athe abhaqwa ekhukhuzwa zizinja kwindawo yaseMarhambeni eMthatha, kungenzeka kube ngawalowo kutyholwa ukuba wabulawa ngunyana wakhe wokugqibela. UNombeko Phakathi (65) kudule ukuba kutsha nje ubulewe ngunyana wakhe ngokungenalusini, emveni koko wawunqunqa umzimba wakhe akugqiba wawubeka phezu kwemandlalo wawuthela iacid ebikwimbombozi ye-20L,yokubohlisa itoyilethi; waqhwitha kwatsho ngedangatyekazi lomlilo. Izicubu zomzimba kamfikazi zifumaneke kulondawo ekukrokrelwa utshiselwe kuyo.

Emveni kophando nokuvuma kukanyana ukuba umbulele unina kuthe kwafumaneka iintsalela zamathambo. Kule veki kwakhona kufumaneke ithambo lesinqa kunye nelomhlathi womntu urhuqwa zizinja.