Kungcitywa ubudlelwane phakathi korhulumente nezibonda
12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024
Monwabisi Khininda
UMphathiswa wesebe loRhulumento Ngobambiswano neMicimbi yeMveli (COGTA) uZolile Williams uhlabe ikhwelo kwiiNkosi kunye nezibonda zasezilalini ukuba zisebenzisane norhulumente ukuzisa uphuhliso ezilalini. UMphathiswa uWilliams utyelele eMthatha ngoLwesihlanu weveki esisuka kuyo apho ebebambe intlanganiso neeNkosi nooSibonda basezilalini kwiholo yesixeko saseMthatha.
Iinjongo zalentlanganiso kukuzama ukulwa ukungaboni ngasonye kweeNkosi ooSibonda kunye nomasipala omelwe nguKhansela ezilalini. UWilliams ucacise wenjenje: “Oku kuze emva kokuqaphela ukuba kukho ungquzulwano phakathi komasipala kunye neeNkosi zasezilalini.Ngamanye amaxesha unobangela ngurhulumente okhathalele icala elinye kwezophuhliso.”
UMphathiswa uyigxeke kabukhali into yongajongelwa ntweni kooSibonda neeNkosi esithi ngabona basebenza kakhulu kwaye bayazazi iimfuno zasekuhlaleni bazelwe bakhulela kwezi lali. “Ayilunganga konke konke ukuba iNkosi ibone sekusenziwa uphuhliso endaweni yayo kungaqalwanga kwahlaliwa nayo phantsi kuboniswane njengeNkosi emhlabeni wayo,” kutsho uWilliams. Uqhube wathi ukungasebenzisani koomasipala kunye neeNkosi kubangele ukuma kophuhliso kwaye kuneziphumo ezibi kuquka ukudykrazwa kwemali yabarhafi.
UNkosi Zwelithobile Mtirara ongusihlalo weNkosi zemveli ephondweni uthe: “Ibelinyathelo elihle ukuba uMphathiswa akhwebe lendibano njengoko eyenza okokuqala kwelinqanaba lasezilalini. UMphathiswa unikezele ngeminxeba kwiiNkosi kunye noSibonda ngenjongo zokuphucula unxibelelwano.

