CommunityNews

Umlilo ubulele abantu ababini eMqanduli 

12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024

Monwabisi Khininda

Umlilo wamadlelo otshise imizi yabantu  ubulele iNkosikazi enama-52 eminyaka nomakhelwane wayo onama-30 ubudala, kwiveki ephelileyo, eMqanduli. Ngokwengxelo yeKhula EC with Majola le Nkosikazi ibihlala etyotyombeni kungoku nje akukho nendawo yokungenela umthandazo, kunqongophele namanzi.Oku kwenzeke kwilali yakwaKhawula kwawadi-22 eMqanduli.

UNkosikazi Nontotholozelo Siphungo  noSithandile Ntleleleko baye batsha babhubha ngoko nangoko. UNkosikazi Siphungo ungcwatywa kwiveki ezayo umhla we-14 Septemba 2024. UKhula EC with Majola ucela abantu abakwaziyo ukuphosa esivivaneni aphose oko anakho kule akhawunti. Capitec Acc No.1658901108 okanye umntu enze iytansfer ngefowuni asebenzise le nombolo 0788548201 owaseMqanduli adibane noMthetheleli Maqume amcele amadibanise nezintsapho.