26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024
Anele Raziya
Umbutho ojongene nokulawula ibhola ekhatywayo eGcuwa, iMnquma Local Football Association (Mnquma LFA) iza kuwonga amaqela aqhube kakuhle kwizigaba zonke kule sizini isando kuphela.
Kodwa ngaphambi kokuba kusindlekwe lo msitho ubalulekileyo kufasaneka kubethwe iintonga kuqala kwimidlalo yokuzibekela indawo kwinqanaba elingasentla iHollywoodbets Regional league.
Amaqela amathathu aqhube kakuhle kwiStreams ezingaphantsi kweMnquma LFA kulindeleke ukuba agquzulane ngosuku lwangeCawe kule mpelaveki kwimidlalo yeU/21 promotional playoffs ezakubanjelwa kwibala lakuCentane edolophini.
IYoung Stars FC yaseMchubakazi eGcuwa, iNdabankulu Senior Secondary School yaseNdabakazi kunye nePhase FC yakuCantane, onke lo maqela azakuba elwela izihlalo ezibini ezikumngangatho ongentla weHollywoobets Regional league.
UMongameli wombutho iMnquma LFA, uMbongeni Matanga uthe lamaqela mathathu afike kule midlalo yeplayoffs emva kokuba qela ngalinye kuwo lifince isizini lihleli kwindawo yokuqala kwiStream ebelidlala kuso.
UMatanga uthe lamaqela bekumele ukuba mane kodwa ngenxa yokuba iNgqamakwe Stream khange kubekho maqela adlalayo kuyo kule sizini ziphuma kuyo lonto yathetha ukuthi esiya iStream esizokumelwa kwimidlalo yeplayoffs.
Ezinye iziStreams ezifana noStream A noStream B eGcuwa oko zidlalile zaze zakupha iYoung Stars FC neNdabankulu Senior Secondary School lo gama iCentane Stream iye yaphunyelelwa yiPhase FC eli qela lalangingqi.
Kule midlalo yangempelaveki uMatanga uthe amaqela azakudlala imidlalo emibini njengokuba azakuba edityaniswe kwigroup enye, amaqela amabini aphume phambili ngokuthi afumane amanqaku (points) amaninzi kwimidlalo yawo ngawona azakunyuselwa ukuya kwiAmathole Hollywoobets Regional league.
Emva koko uthe beyiMnquma LFA bazakuthi babhengeze usuku apho bezakusindleka umsitho wokuwonga onke amaqela aye aqhuba kakuhle kwisizini esando phela uqala kwabo baneminyaka elishumi elinesihlanu (U/15) ukuya kumashumi amabini ananye (U/21).
Abalandeli bebhola abaninzi balindele ukuba iYoung Stars yaseMchubakazi ibuye nodumo kule midlalo iza kubanjelwa kuCentane njengoko ikhe yenza imbali kule sizini yawabetha onke amaqela ibikhuphisana nawo kwindebe iNozulu Youth Legacy Cup kwaye idlale kaluhle nakwileague.


