Arts & CultureLocalNews

Kuqaphela inyanga namagugu

26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024

Anele Raziya

Umasipala waseMnquma eGcuwa uyaqhuba neenkqubo zokuqaphela inyanga yamafa namagugu esizwe ngenjongo zokufundisa uluntu ngembali yeli kunye nokubhiyozela lenyanga.

Kwiveki ephelileyo uMnquma ekhokhelwa nguSodolophu uThunyiswa Manxila-Nkamisa uye watyelela kwilali yaseNyhili eNgqamakhwe apho lazalwela khona igqala lomzabalazo leli uGovan Mbeki ngonyaka ka1910.

Injongo zotyelelo ibikusindleka umsitho apho bekumenywe khona abahlali, iinkosi, imbongi, kunye nezikolo ezikufutshane ukuba zize namaqela wazo emixhentso uzokonwabisa uluntu.

Ngexesha kuqhuba umsitho kuye kwakhona nethuba lokuba kubaliswe ngembali yeli gqala lomzabalazo uGovan Mbeki kufundiswa abantwana abasakhulayo ngembali edlalwe nguye kwinkululeko yeli lo Mzantsi Afrika.

Izihlobo kunye nabo bazizizalwane kusapho lwakaMbeki nabo baye bafumana ithuba lokubalisa ngeligqala lomzabalazo ngelixesha lalisakhula liyidyogwana kwilali yaseNyhili.

Usodolophu, Manxila-Nkamisa ethetha kulo msitho, uthe ilali yaseNyhili inendawo ezingumtsalane kuba khenkethi (tourists) kwaye inembali etyibileyo ngokwezopolitiko ngenxa yegqala lomzabalazo uGovan Mbeki.

“Singumasipala sinonqweno wokuba neenkqubo esizakuzenza kule lali yaseNyhili ezifana nokuhlaziya okanye siphucule imiqolomba yalapha kwaye silime namathafa ukuze abantu balale betyile okanye bazenzele imali,” kutsho uManxila-Nkamisa.

Uthe umasipala ukwelo phulo lokujonga indlela okanye iinkqubo ezinokuthi zidlale indima ephambili ukuphuhlisa  abantu belali yaseNyhili kwaye zitsale nabakhenkethi njengoko kukho imiqolomba engumtsalane kule lali.

Uqhube wathi bakwisicwagciso sakuzama ukwenza ikhaya legqala lomzabalazo uGovan Mbeki indawo yamafama namagugu wesizwe (Heritage Site).

UMnquma njengokuba sele uqalile kwilali yaseNyhili ukuqaphela inyanga yamafa namagugu wesizwe kulindeleke ukube uqhubekeke ubambe nezinye inkqubo kwezinye iindawo.

Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ngoLwesihlanu (27 Septemba) uza kubamba omnye umsitho wokubhiyozela lenyanga kwiholo yedolophu yaseGcuwa.

Iinkosi, abahlali nabasebenzi bakwamasipala kulindeleke ukuba bangugelane kule holo ngeli qaphela imbali yeli, uGqirha J Mvenene oyiSenior Lecturer eWalter Sisulu University kwicandelo le Soc.Sc and History Edu uzakuba sisithethi esiphambili ngale mini.

Wonke umntu ozakuzimasa lo msitho uza kunxiba IsiNtu ngale bhiyozela inyanga yamafa namagugu wesizwe.