Crime & SafetyNews

Indoda igwetywe ubomi kwelokudlwengula unyana wayo 

10 EyeDwarha (Oct) 2024 – 23 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

Ukukhula phantsi kwesandla sikatata yinto ezisa ulonwabo nakweyiphi na inkwenkwana, izive ikhuselekile ngandlela zonke. Kodwa ukuhlala notate kwajika kwabaliphupha elibi kwinkwenkwana eneminyaka esibhozo yelali yaseMgababa eNgqushwa,ngomhla wama-21 kwinyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo. Ngokwengxelo ekhutshwe nguLuxolo Tyali we-NPA le nkwenkwana yathi ibuya esikolweni ngalomhla yafikela kuyise oneminyaka engamashumi amahlanu anesine nowayiyalela ukuba iye kutheza iinkuni kude kufuphi nekhaya.

Unyana wenze nanjengoko eyalelwa, wabuya nazo iinkuni,suke uyise wayiqamangela ngetyathanga kwipali eyayingaphakathi endlini wamdlwengula Emva kokumdlwengula unyana wakhe umrhanelwa nongachazwanga igama lakhe ngelikhusela unyana, walitshixela ngaphakathi ixhoba.Ixhoba lazama-zama lizama ukukhulula ityathanga de lakwazi labaleka laya ebumelwaneni elinye ityathanga lisarhuqa emaqatheni linjalo nanjengoko engazange akwazi ukulikhulula lonke. Ekufikeni kwakhe kwamakhelwane umakhelwane wahlaba umkhosi ebahlalini ze kwabizwa amapolisa sakhangelwa isidlwengu saya kufunyanwa kwindlu yesihlobo eMotherwell kwelaseGqeberha.

Ngethuba kuxoxwa ityala uMtshutshisi uThobani Matyeni uthe thaca ubungqina bamangqina amathathu kuquka nelexhoba elingqene ngekhamera.Ingxelo kaGqirha engqina ngqo oko kuchazwe lixhoba libonakalisa nomonzakalo wokubethwa nguyise owenzeka ngexesha lesiganeko.

UMantyi uFritz uphawule ngelithi isidlwengu nesingutata womntwana ubophelele umntwana wakhe okwesilwanyana wakugqiba wamdlwengula,nto leyo enyevulela ukuthenjwa ebenako unyanakhe ngakuye njengomzali. Emva kokuphawula uye wawisa isigwebo sobomi ngakulendoda, ngokudlwengula kunye nemihlanu yokubetha ngenjongo yokonzakalisa.Igama lesidlwengu lizakuthi lifakwe kumqulu wabo baxhaphaza ngezesondo.