Esinye isithwakumbe sokubulawa kwabantu abathandathu kuQumbu
24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024
Monwabisi Khininda
Kungekapheli nenyanga kudutyulwe kwabulawa abantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana eLusikisiki, kwiveki edluleyo kuphinde kwadutyulwa kwabulawa abantu abathandathu abangamalungu eCommunity Policing Forum ze abane balimala ngokumasikizi. Oku kwenzeke kwisikolo samabanga aphantsi iLugongozo Junior Secondary School Etina Falla cebu kuhle kuQumbu. Aba babuleweyo nabalimeleyo kuvakala ukuba ibiliqela labantu abathi bajikeleze begcina ucwangco (CPF) kulengingqi.
Ngokwengxelo ekhutshwe ngamapolisa oMzantsi Afrika kurhanelwa ukuba kufike amadoda asibhozo exhobe ngemipu (rifle nehandguns), nabafike bayivulela badubula amaxhoba. Emva koko bababeleka abasicatyana. “Siqokelela zonke izixhobo zokusebenza ukuze sinqakule sivalele ezi zaphuli mthetho.Siva kakubi ukuba abo basebenzisana namapolisa bazibone bengamaxhoba okuhlaselwa. Sizakuqinisekisa ukuba abo basemva koludubulo bayafunyanwa bajongane nengalo yomthetho. Sidlulisa amazwi ovelwano kumakhaya athe aphulukana nezihlobo koludubulo, sikwanqwenelela nabo balimeleyo impilo ekhawulezileyo,” kutsho uLt.General Nomthetheli Mene.
Kananjalo iKomishinala kaZwelonke kumapolisa oMzantsi Afrika uFannie Masemola kunye neSekela Komishinala leCrime Detection uLieutenant General Shadrack Sibiya, iKomishinala yephondo uLt. General Nomthetheli Mene kunye neqela elilungiselelwe ukuphanda ngezehlo zodubulo kwiMpuma Kapa, bathe bandwendwela isikolo iLugongozo kwiveki ephelileyo
