Crime & SafetyNews

Bagwetywe ubomi kahlanu ababulala amapolisa eNgcobo 

24 EyeDwarha (Oct 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024

Monwabisi Khininda

Ngomnyaka we-2018 kwathi kwahlaselwa kwaze kwabulawa amapolisa axelenga kwisikhululo saseNgcobo. La mapolisa ahlaselwa aze abulawa ngamalungu ebandla likaMancoba iSeven Angels Ministry Church neyayisaya kuzinza kwindawo yaseNyanga eNgcobo. La madoda nguAndani Monco (36),Kwanele Ndlwana (28), Siphosomzi Tshefu (29) kunye noPhumzile Mhlatywa (51) bathe bagwetywa ubomi izihlandlo ezihlanu umntu ngamnye. Baphinde bongezelelwa iminyaka ephakathi kwama-25 nama-40 ngokwendima abathi bazidlala ekubulaleni, ukuzama ukubulala, ukugqekeza, ukuphazamisana nengalo yomthetho, ukubanemipu engekho mthethweni,matyala lawo abawenza phambi kokubulala amapolisa aseNgcobo kwaye azakuthi aqhube kunye nezigwebo ezo zobomi.

Ngokwengxelo yeNPA phambi kokuba bahlasele amapolisa baqala eGcuwa apho baxhomisa ipolisa elalilawula izithuthi endleleni, ze bathatha umpu welipolisa ngomhla wama-21 kweyeNkanga ngonyaka wama-2017. Eli qela linye laphinda futhi kwiveki ezimbini ezilandela eso siganeko laya kwidolophu yaseCala baxhomisa elinye ipolisa elalingaphangelanga baze balithathela umpu womsebenzi.

Abaphelelanga apho aba bagwetyiweyo kuquka abo baswelekayo ngexesha bedubulana namapolisa ekubanjweni kwabo kubonakala ukuba baqale bayihlela indlela abazothi bahlasele ngayo ngokuthi bajonge iintshukumo zamapolisa kuqala. UMhlatywa yena eyakhe indima yayikukuqhuba aye kwidolophu yaseNgcobo ayokwenza isiphazamiso endleleni esizakuthi senze umtsalane emapoliseni, ze kuthi xa amapolisa esahoye eso siphithiphithi sakhe abalekele apho bakhoyo oogxa bakhe ababexhobe ngalemipu bayoxuthayo ukuze amapolisa amleqe ayokubhabha kunoxhaga.

Eneneni kwenzeke ngokwendlela abebecwangcise ngayo, ngoba amapolisa amabini abaleqa athi akufika kuugaqo u-R61 kufuphi nesikolo samabanga aphezulu iNyanga abulawa ngalamadoda. Emva kokubulawa kwala mapolisa le miguvela yathatha isithuthi samapolisa asiqhuba angqala ngqo kwisikhululo samapolisa aseNgcobo nalapho aphinda abulala esinye isibini samapolisa  nomabhalana owayecinga ukuba ngoogxa bakhe aba beza ngesithuthi samapolisa. La madoda aqhubeka ayakuqhekeza isefu aze athatha eminye imipu kunye nezikhuseli mbumbulu, kuthe xa kungena esinye isithuthi samapolisa esasisuka ngaphandle bonda ngabo babathathela imipu yabo. Amapolisa esikhululo esikufutshane iDalasile athi esakuva kunomathotholo ukuba amapolisa aseNgcobo ayahlaselwa alanda ekhondweni ukuya kuhlangula ozakwabo, nawo ahlaseleka ngalamadoda ayesele exhobe efohlele yimipu ekudala eyiqokelela, imoto yawo yaya kufunyanwa ishiywe ngakwilali yaseKhanya ngosuku olulandelayo. “Ezi zigwebo ziqatha zither zanikwa la madoda mane athi abulala amadoda amahlanu aseNgcobo ngonyaka wama-2018 zibonakalisa gca ukuba abo bathi bahlasele amagosa omthetho bayokohlwaywa zinkundla zomthetho.

Kuphinde kubonakalise ukuzimisela kwiGunyabantu leZotshutshiso ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka nokuba buthathe ixesha elingakananina, itsho ke nentetho yesiNtu ukuba ingalo yomthetho inde.Into ke eye yabangumnqa nomcelimngeni yeyokuba esi sine sithe safuna ukuzithethela ngokwaso ngelithi inkolo yabo yakwaMancoba kwiSeven Angels Ministry Church ayivumi ukuba basebenzise amagqwetha ehlabathi,”kutsho uLuxolo Tyali osisithethi seNPA eMpuma Kapa.