Kubhubhe ishumi elinesibhozo kwingozi emasikizi
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Kusweleke ishumi elinesibhozo labakhweli kuhola wendlela u-N3 eVan Reenem Pass emva kokuntlithana kwesigadla nekhombi ebisuka kuQumbu eMpuma Kapa, ngoLwesibini weveki ephelileyo. Isebe leZothutho kwiphondo iKwaZulu Natal elikhokhelwe nguSiboniso Duma liye lenza uphando ngonobangela walengozi.Uphando ludize ukuba umqhubi wesigadla ngummi waseZimbabwe onguMbedezi oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu.
Itekisi ephantsi kombutho wakwaNcedo Taxi Association ibithwele abakhweli abasuka kuQumbu eMpuma Kapa besiya eGoli. Le tekisi ibikhwelise abantu abalishumi elinesibhozo kuquka nomqhubi. Kusinde umntu wamnye kulengozi.
Ngokwengxelo ekhutshwe ngumnini tekisi izizalwane zabantu ababhubhileyo sezazisiwe ngale ntlekele. Kuvakala ukuba kubakhweli bekukho usapho obelusuka kwilali yakuNogaya kuQumbu. Indoda nomfazi wayo kuquka nabantwana babo abahlanu baswelekele kulengozi.
Ngabantu abalishumi abathe baphulukana nobomi kwiingozi ezahlukeneyo ephondweni kule veki yokuphindela kwabantu emisebenzini.Kwaba bantu abaswelekileyo kuquka nabantu ababini abebehamba ngenyawo ngoLwesihlanu weveki esisuka kuyo. Eyona ngozi emasikizi yehle kuhola wendlela u-N2 kufutshane nasePhakade apho kubhubhe abantu abasibhozo kungquzulwano lwezithuthi ezibini, ibhaki kunye nesigadla. Kwibhaki bekukhwele kuyo abantu abalishumi elinambini, abahlanu kubo babhubhele kwindawo yexhwayelo, waze omnye wabhubha xa eleqiswa esibhedlele. Kuye kwasinda abantu abathandathu ekuthe kwasweleka isibini kubo kamva. Loo nto ilibeke kwishumi inani labantu abaswelekileyo.
Omnye wabahambi ngeenyawo ugilwe kuhola wendlela u-N2 kufutshane nakwaDan’s Country Lodge, eLurhasini cebu kuhle kwidolophu yaseMthatha. Kanti omnye umhambi ngeenyawo utshayiswe kumbindi wedolophu yaseMonti,inqwelomafutha emtshayisileyo khange imise. UMphathiswa wesebe leZothutho uXolile Nqatha ugqithise amazwi ovelwano kwiintsapho ezilahlekelweyo. Amatyala amathathu wokubulala ngokungenanjongo avuliwe kwizikhululo zamapolisa akufutshane neendawo ezo kwenzeke kuzo iingozi.