Arts & CultureEducationLocalNews

Inkonzo zikarhulumente ziyaya nasezikolweni 

30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025

Intatheli: Yonela Mpaka

Isikolo esibizwa Arts Academy nesizinze kwidolophu yase Ngcobo siqhube inqubo ka (Back to school )apho izithuthi ezihambisa inkonzo zikarhulemente zincede abaninzi. Abafundi besikolo esi baxhamle kwicala lezempilo bejongwa ubume bempilo, kuqhutywa kwa nenqubo zokwenziwa kwezazisi naanjengoko isengumceli mngeni into yabantwana abangezo izazisi. Isebe lezempilo lincedisile kakhulu ekujongeni abantwana neziphako zabo.

Oyinqununu kwisikolo esi u Mditshwa Lwazi uthi eliphulo lihle kakhulu libancedile bafakana  imilomo namasebe karhulumnente ngezinto ezinobanceda ukuqinisa imfundo yabantwana. “Sikwavuyela  nabazali abasabele ikhwelo kuba imiceli mngeni yandile ingakumbi ngoku kuqala unyaka, impahla zesikolo ebantwaneni ngomnye wemicelimngeni esijongene nawo,siyavuya nabemfundo benyathele kwisikolo esi kuba sisaya kude ekuphuhliseni imfundo yomntwana,” utshilo uMditshwa.

Abazali balivuyele eliphulo lamasebe athe atyelela kwesisikolo.Umama uNozipho Khwahla uthi ngase iphulo elinje limana ukufika esikolweni kuba kubanzima ukuba baye edolophini uyokwenza imfuno zabantwana. “Siyasokola kakhulu kuba asinayo nalemali yokusa abantwana nakogqirha kona kona banengxaki ezingaphaya kwamandla ethu kodwa abo bacinge oku bawenzile umsebenzi omhle,” utshilo umama uNozipho Khwahla. Zincedise kakhulu izinto ezenziwe ngamasebe ohlukeneyo kwiphulo lika (back to school) elincedisana nokuvulwa kwezikolo.