Crime & SafetyLocalNews

Kugxekwa urhulumente ngobugebenga eMqhekezweni

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Nangona lilide ixesha abahlali becela urhulumente wephondo ukuba afake izibane ezide (flood lights) kulelali ukunqanda ukudlwengulwa nokubulawa kwabantu kodwa loo nto isafana nje nokuzikhisa imifino etheni. Abahlali bathi urhulumente ubalahlele izandla kwaye basina bezombelela bebulawa kudlwengulwa abantu, besebelwa nemfuyo. Kwiveki ephelileyo kubulewe amanina amabini eMqhekezweni kwadlwengulwa abafundi abathandathu besikolo iJongintaba.

INkosi uZwelithobile Mtirara olilungu losapho lakwaMtirara uthi kudala bekhala kurhulumente kodwa ngoku baphose itawuli njengoko bengazi ukuba mabade bathini. Uthi baxhelekile kukubulawa kwelungu losapho. USodolophu waseKing Sabata Dalindyebo uNyaniso Nelani uthe: “Ubusela bemfuyo, impindezelo, nokusetyenziswa kweziyobisi ngoonozala bokubulawa kwabantu eBityi eMthatha. Ukufakwa kwezibane asiyonto enzima kodwa umqobo ngamandla ombane wasezilalini.”

USodolophu uNelani ubephakathi kwabantu abatyelele komkhulu eMqhekezweni emva kokudutyulwa kwabulawa uNogcinile Thenjiwe Mtirara (71). Kufunyenwe nomnye umzimba sele ubanda kude kufuphi nakomkhulu kule lali. Ulebele ngelithi urhulumente usanqwenela ukufumana iqhinga lokunqanda lembubhiso iqhubeka eBityi.