Kuqweqwediswe inkwell yabaguli
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Monwabisi Khininda
Isebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Kapa lidize ukuba ngoMgqibelo umhla weshumi elinanye kweyoMqungu, 2025, kwisithuba sentsimbi yeshumi elinanye kuye kwaqweqwediswa inqwelo yezigulane eluhlobo lweveni, eMthatha. Ingxelo iqhuba ithi ngexesha lokuxhonyiswa kwale nqwelo bekungekho zigulane ngaphakathi kuyo, kwaye nabasebenzi abahamba ngayo akukho namnye ofumene umonzakalo.
Lo mba uye wadluliselwa emapoliseni ukuze aqhube uphando.Nenkampani yokulanda umkhondo weemoto ezebiweyo (Tracking Company) yazisiwe ngesi siganeko. Osisithethi kwisebe lezeMpilo uMkhululi Ndamase uthe “Sisiganeko nje esililishwa esi. Siyathemba ukuba amapolisa azawukwazi ukunqakulwa abarhanelwa ukuze bajamelane nengalo yomthetho.” Ngethuba kushicilelwa eli nqaku bekungekabanjwa mntu, amapolisa asaphanda.
