Arts & CultureCrime & SafetyNews

INkosi igwetywe ubomi kwelokubulala 

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024

Monwabisi Khininda

UNkosi Masibonge Magodla (35) welali yakuMagodla eNgqamakhwe ugwetywe ubomi entolongweni emva kokufunyanwa enetyala lokubulala inkondekazi enamashumi alithoba anesine eminyaka ubudala. Esi siganeko senzeka kunyaka wama-2022.Emva kokuba uNkosi Magodla ephuphe umfi emkrwitsha wafikelela kwisigqibo sokuba umfi lo uyamthakatha ze wathatha isigqibo sokumbulala.

Ngokwamaxwebhu akhutshwe liGunyabantu lezoTshutshiso likaZwelonke (NPA) lo kaMagodla wangena ekuhlaleni waze wacela abafana ukuba bamncedise ukubulala ixhegwazana eli ngelithi liyamthakatha,ze abafana bakhaba ngawo omane. Uninzi lwabahlali kwilali yakuMagodla lalungekho,nto leyo eyawenza lula umsebenzi kaMagodla kuba kwakuthe nkcwe elalini.Kodwa noxa kunjalo zange aqhashe kwicebo lakhe lokungabonwa nanjengoko wathi wabonwa yintombazana enieminyaka emihlanu neyathi yaluma unina indlebe ekubuyeni kwakhe esingcwabeni.

Ingxelo yalentwazana yongezwa yingxelo yabafana abathi bangqina ukuba eneneni iNkosi ibibacelile ukuba bayincedise ukwenza eli sikizi. Emva kokubanjwa kwayo iNkosi kwafunyanwa igazi ezimpahleni zayo ze kwenziwa uvavanyo lwentlolofuzo ngegazi lwaze lwakhomba ukuba ligazi likamfi.Abahlanu kumangqina asibhozo yayingabafana abaselula abo wayebacelile ukuba bamncedise,nabathi iNkosi yayicaphuke isisifu ngelixesha ibacela bona baze bala.

Ababini kumangqina ngamalungu osapho lukamfi nabathi badiza okukuba iNkosi yafika yayalela, isebenzisa igunya layo lobukhosi, ukuba kungabizwa mapolisa ndaweni yoko kubizwe inqwelo yezidumbu ukuba izothatha umzimba kamfi.INtloko yezoTshutshiso uBarry Madolo uqhwabele izandla aba bafana ngokuthi bale ukuzibandakanya nolwaphulo mthetho olunje noba bayalelwa yiNkosi. Uqhubeke watyityimbisela umnwe abo bathi basebenzise amandla abo ukuphatha kakubi abantu abadala kanje ngoNkosi Magodla.