Arts & CultureCommunityLocalNews

Lingaphaya kwezitshixo ikhankatha elabetha umkhwetha

30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025

Intatheli: Monwabisi Khininda

Inkundla kaMantyi yaseTsomo eMpuma Kapa isikhabile isicelo sebheyile ebesifakwe likhakatha elingu Siyasanga Sifumba (30).  USifumba ujamelene netyala lokophula umthetho okhusela ulwaluko,nokuxhaphaza ebetha ngenjongo zokonzakalisa umzimba ngokumasikizi.

Eli khankatha labanjwa ngomhla we-17 kwinyanga ephelileyo kwaye oko beliseluvalelweni. Ngokwengxelo yamapolisa umrhanelwa uSifumba wayeqeshwe ngabazali ukuba abelikhankatha kwilali iGqogqorha eSixhotyeni.Izityholo ziqhuba zithi wabetha umkhwetha ngentonga,iimpama, emkhaba okwebhola embetha nangamanqindi. 

Othethela amapolisa kwisithili uCaptain Yolisa Mgolodela uthi eli khankatha labetha ixhoba de kwanzima ukuzimela ngomhla we-5 kwinyanga ephelileyo. Umkhwetha wabalekiswa kwisibhedlele saseCofimvaba apho wadluliselwa kwisibhedlele saseMonti ngenxa yomonzakalo omandla.

USifumba wabanjwa wavela amatyeli aliqela enkundleni eTsomo de isicelo sebheyile sakhatywa ngoLwesine weveki ephelileyo. Eli tyala limiselwe umhla we-10 kwinyanga kaFebuwari 2025. UMkomishinala wamapolisa kwisithili iChris Hani uMajor General Rudolph Adolph uqhwabele izandla isebe lezobulungisa ngesisigqibo sokukhaba ngawo omane isicelo sebheyile esifakwe ngummangalelwa esithi sizozisa isilumkiso nakwabanye abasafuna ukwaphula umthetho besengela phantsi isiko lolwaluko.