Community

Urhulumente uqala ukufudusela abahlali baseSkiet eGcuwa kwizindlu zethutyana emva kwentlekele yemvula

Kubonakala urhulumente esifezekisa isithembiso sakhe awasenzayo kubahlali bendawo yamatyotyombe eGcuwa ebizwa ngokuba kuse Skiet emva kokuba bemkelwa yimikhukhu yabo kwizandyondyo zemvula ezashiya ingxwelerha eMpuma Koloni apho kwasweleka inani elivisayo labantu kwindawo yaseMthatha. 

Emva komonakalo owabangelwa yimvula eyakhukhulisa imikhukhu yaseSkiet, inkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane watyelela indawo yaseMnquma ezokujonga ubungakanani bomonakalo obangelwe yimvula kwindawo yaseSkiet nase Eugene ezazichaphazeleke kakhulu kunezinye indawo eMnquma. 

Emveni kokuba Mabuyane ezibonele umonakalo owenziwe yimvula waye waxelela amaxhoba ukuba urhulumente uza kungenelela ngokuthi abanike izindlu zethutyana okokuba bafihle intloko. 

Wathi kodwa ingxaki ekufuneka bayisombulule kuqala bengurhulumente yeyokuba bafumane umhla abazakubeka kuwo ezindlu zethutyana. 

Ngenene norhulumente kazwelonke waye wangenelela kule meko uqinisekisa ukuba abahlali bayalufumana uncedo ngokhawuleza. 

Uye wafumaneka umhlaba wokubeka izindlu ngasentla kwilokishi yaseMsobomvu eMnquma. 

Zibekiwe izindlu zethutyana uqala kwinyanga ephelileyo kwathi xa kuqala inyanga esikuyo urhulumente waqalisa ufaka abantu baseSkiet kuzo. 

Iye yayimincili kubahlali baseSkiet ngexesha ingqiza lamagosa womasipala waseMnquma bebefaka abantu abanqebeleyo kumashumi amahlanu kwizindlu zethutyana esele zigqityiwe ukwakhiwa. 

Nangona sele iqalisile inkqubo yokufakwa kwabahlali kodwa abahlali baseSkiet banomnqweno wokuba bafumane izindlu zestena (RDP houses) bangaphelile kwezi zethutyana.

Omnye wabahlali uZanele Yali ethetha neentatheli uyibeke yacaca ukuba uyanqwenela ukuba urhulumente abakhele izindlu zestena. 

Umnqwena wakhe ngowomntu wonke ohlala eSkiet kodwa okwangoku abahlali bathi bayalibulela igalelo lika rhulumente okokuba babenendawo yokufihla intloko.

Urhulumente uthembise ngokuba uzakwenza izindlu zethutyana ezaneleyo ulungiselela abo bathi bonakalelwa zizinto zabo ngexesha lemvula. 

Inani labantu abathi bonakalelwa yimikhukhu yabo ngenxa yale mvula lali nqabele ku200 kodwa okwangoku ayikacaci ukuba urhulumente uzakumilisela izindlu zethutyana ezingaphi. 

Umfanekiso: Abahlali baseSkiet eGcuwa bafakwe kwizindlu zethutyana emva kokuba imikhukhu yabo yakhukhulisa yimvula.Â