Education

Izikolo zamabanga aphantsi zixhamle kwiphulo lika Back to school

Ngu Anele Raziya

Ibiyimincili nemivuyo kubantwana nabazali kwizikolo ezahlukeneyo kuCentane, nalapho umasipala waseMnquma ebebaphathele abafundi izipho ezifana nomakufanwe (school uniform), izihlangu zesikolo kunye nezinye izixhobo ezincedisayo ekufundeni.

USodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa, kunye nooceba ebebephuma ebhungeni nabasebenzi bakamasipala batyelele izikolo zamabanga aphantsi iHlokomile Primary School kwaWadi 26 neDyantyi Primary School kwaWadi 24 kuCentane kwiveki ephelileyo. Injongo yolutyelelo ibizezokuba usodolophu kunye nebhunga baxhase abantwana abasokolayo ngempahla yokunxiba yesikolo equka izihlangu, iijezi, iibhlukhwe ezigreyi kwabo bangamakhwenkwe, ilokhwe kwamantombazana, amaqhina, iibhagi zokuphatha iincwadi kunye neenkawusi.

Abantwana abamalunga nama-94 baxhamle kweli phulo elibizwa ngokuba yi Back to School. Abo bafumeneyo bebekhethwe liSebe leNtlalo yoLuntu (Social Development) libambisene nootitshala, bachonga abantwana abaphuma kumakhaya angathantweni.

Ethetha kulo msitho ububanjelwe eHlokomile Primary School, usodolophu uManxila-Nkamisa uthe bengumasipala banoxanduva lokuphucula impilo yabo bangenanto, ngakumbi kwindawo zasemaphandleni ezifana noCentane.

“Injongo zeli phulo kukwenza abantwana babonakale befana xa besesikolweni benxibe oomakufanwe babo,” utshilo uManxila-Nkamisa. Uqhube wathi isidima somntwana sibalulekile, kwaye xa enxibe kakuhle njengabanye, lonto iyamkhuthaza nakwizifundo zakhe.

Umasipala uzimisele ukutyelela izikolo ezininzi ngenjongo yokubonakalisa inkxaso kubantwana abaphuma kumakhaya atsala nzima. Inyanga ezayo, bazakugqiba ujikelezo lwezikolo ezinabafundi abachongiweyo ukuba badinga uncedo lwempahla yesikolo neebhegi zokuphatha iincwadi.

UManxila-Nkamisa uthe imfundo sesona sixhobo sibalulekileyo ebomini, wakhuthaza abazali nootitshala ukuba basebenzisane ekwakheni ikamva eliqaqambileyo labantwana.

Abazali nootitshala kwisikolo iHlokomile Primary School naseDyantyi Primary School babulele inkxaso abayifumeneyo kumasipala.

Rhoqo minyaka le, umasipala uqhuba eli phulo Back to School, kwaye izikolo ezininzi eMnquma sele zaxhamla kuyo.

Umfanekiso (2-school kids): Izikolo zamabanga aphantsi iHlokomile Primary School neDyantyi Primary School kuCentane zixhamle kwiphulo Back to School eliququzelelwa ngumasipala waseMnquma eGcuwa.
Photo: Anele Raziya