Iqela iNgqamakhwe City FC igxeleshe ubuya nodumo kwimidlalo
Iqela lakuCentane iKentane United FC inyukele ngasentla kwindawo yokuqala kuluhlu lwamaqela alishumi elinesibini (12) nakhuphisana kwinqanaba i-Amathole Hollywoodbets Regional league Stream E eMnquma. Emva kweziphumo zangempelaveki, iKentane United FC izibone sele ithe chu kwindawo yokuqala emveni kokuba ibethe iNgqamakhwe United FC ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) kumdlalo ubudlalwa eMnquma ngoMngqibelo.
Ngaphambi kwemidlalo yempelaveki, iFC Relatives yelali yaseThanga kude kufutshane naseGcuwa, ibifudula ihleli kwindawo yokuqala kuluhlu lwamaqela eAmathole Hollywoodbets Regional league Stream E ngamanqaku alishumi elinesihlanu (15 points). Ngempelaveki esiphuma kuyo iFC Relatives khange icwagciselwe ukuba ithathe inxaxheba kwimidlalo yeLeague yangoMgqibelo ntoleyo enike ithuba iKentane United FC lokuba iyokuhlala kwindawo yokuqala ngamanqaku alishumi elinesithandathu (16 points) emva kokuba ibethe iNgqamakhwe United FC.
Ukunyukela kweli qela lakuCentane kwindawo yokuqala kuye kwakhulisa umdla kubathandi bebhola ekhatywayo eMnquma njengoko befuna ubona kwimidlalo elandelayo ukuba iFC Relatives izokwazi ubuyela enkcochoyini kuluhlu lwamaqela eRegional league Stream E. Sukela oko kuqale isizini kunyaka ophelileyo, iFC Relatives oko ibihleli kwindawo yokuqala emva kwemidlalo emithandathu eyidlalileyo yaze yaqokelela amanqaku alishumi elinesihlanu (15 points) kuyo, kodwa izinto ziye zajika ngempelaveki.
Yona iKentane United FC yakuCentane idlale imidlalo emithandathu kule sizini kwaye yaqokelela amanqaku alishumi elinesithandathu (16 points) kuyo. Iqela elihleli kwindawo yesithathu kuluhlu lwamaqela eli nqanaba, yiWSU Butterworth FC ngamanqaku alishumi elinesihlanu (15 points) emveni kokuba ibethe iFC Montego yalokishi yaseCuba ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) ngoMgqibelo osando dlula. INgqamakhwe City FC ihleli kwindawo yesine ngamanqaku alishumi elinesithathu (13 points) kwaye khange idlale ngempelaveki.
Okwangoku lamaqela mane aphala phambili kwiAmathole Hollywoodbets Regional league Stream E abonakala njenga maqela alwela intshinga yeli nqanaba kodwa izinto zizokucaca xa kuphela isizini. Kwimidlalo yangoMgqibelo esiya kuye, iNdabankulu SSS FC iza kudlala ne FC Montego, Kentane United FC indwendwele iFC Relatives, WSU Butterworth FC isingathe iFC Tshabalala kwidabi laseGcuwa, iNgqamakhwe United FC idlale ne Inter City Sports Club, iNgqamakhwe City FC ityelelwe yiYoung Stars United FC yaseMchubakazi logama i Musketeers FC iza kusindleka Amakotomane FC. Yonke lemidlalo iza kudlalwa ngalo Mgqibelo emva kwemini ngentsimbi yesithathu.

Photo Caption (Sport): Iqela iNgqamakhwe City FC igxeleshe ubuya nodumo kwimidlalo ye Amathole Hollywoodbets Regional league Stream E ngale mpelaveki.
Photo: Anele Raziya

