Ziyokhiwa ibhulorho kumasipala i Dr Ab Xuma
Igqiza elisuka kuMasipala wase Dr Ab Xuma phantsi we ofisi ka Mpec lityelele kwibhuloro yaku Bulawayo eyokhiwayo kwilali yase Stholeni .Olutyelelo luza emva kokuba abebhunga begunyazise ukuba makuphunywe kuyojongwa ukuba umsebenzi uyaqhuba na ngaphandle,inkonzo ekufanele ziya ebantwini zizo ngokwenene na.Eliqgiza lityelele kwibhulorho ezokhiwayo kuquka leyo yase Gqaga nebisoloko isematheni kakhulu.Abantwana besikolo bebengakwazi ukuwela ukuya ezikolweni ngenxa yesimo sezibhulorho.Eligqiza nelikhokhelwe ngu Ceba uSivuyile Mfeki uthi bebezojonga ukuba umsebenzi uqhuba njani na kwanemali echithiweyo iwufanele umsebenzi lona nanjengoko sele ziliqela izinto ezenziwa ngulomasipala ingakumbi kwicala lokuphucula indlela. “Thina asiphelelanga kwibhulorho kodwa sijonge nomsebenzi oqhubayo kumasipala wokokhiwa kwe ofisi ngokutsha kuba ezo bezikhi bezisele zingekho mgangathweni,” utshilo u Mfeki. Ibhulorho yaku Nonyethu yeyona sele igqityiwe nezakuthi incede bonke abantu bommandla. Okwibhunga lomasipala nosuka komnye umbutho uvakalise ukuba babone kubalulekile ukuba izinto ezenziwayo zilandelelwe kuba uphelasonwabe uyenzeka xa kungekhomntu ujongayo okwenzekayo.Ezo zibugqibeka ibhulorho zakuthi zinikezwe ngokusesikweni xasele ugqityiwe umsebenzi.

Umfanekiso:Ibhulorho yaku Bulawayo eyokhiwayo kumasipala iDr Ab Xuma

Umfanekiso:Ibhulorho yaku Bulawayo eyokhiwayo kumasipala iDr Ab Xuma

Umfanekiso:Ibhulorho yaku Bulawayo eyokhiwayo kumasipala iDr Ab Xuma

