News

Uzibeke phantsi intambo emva kokusebenza nzima

Bekubanjwe umsitho wokuthi Ndlelantle kuCaptain wamapolisa ase Ngcobo u Lindile Sigcu noyinzalelwane yase Mnyolo phantsi komasipala i Dr Ab Xum. U-Captain Sigcu uxelenge kwisikhululo samapolisa  iminyaka engamashumi amathutha anesihlanu,yena egqiba amashumi anesithandathu ubudala.Loka Sigcu ulwe kakhulu ngelaxesha kwakukho isithwakumbe sokudutyulwa kwamapolisa eNgcobo.Esisiqu naye akakulubali oko .Ogxabakhe abasebenze naye nezalamane zimchaze  njengomntu ebewuthanda umsebenzi wakhe lomfo.U-Colonel uthi lomfo ngumntu ebebaxabisile abantu ehlonipha. “Sisebenze naye kakhulu iminyaka, akusiphathi kakuhle ukuhamba kwakhe nangona ixesha lokubeka intambo lifikile,  indawo yakhe izakucaca nanjengoko ebeqinisekisa ukuba umsebenzi uyenzeka ngendlela efanelekileyo,sithi nakwabanye abasebenzi ingase bazeke mzekweni,”utshilo uColonel.Usapho lwakhe beluthe nqwadalala lumamele kuthethwa kamandi ngeliqhawe.UCaptein Sigcu  uthi ukwenzelwa itheko elihle kangaka yinto angakhange ayicinge tu kwaphela uyabulela kakhulu kubantu bonke. “Owam   umsebenzi ndiwugqibile  ngoku ndiyokuzipholela  ekhayeni lam kuba bekungekho lula kulenkonzo yesipolisa kodwa ndikwazile ukuphuma ndisaphila,ndibulela nenxaso yabantu abebesoloko bendikhuthaza minyaka le nam ndiyazincoma ndisebenzile, “utshilo u Captein Lindile Sigcu wamapolisa ase Ngcobo.

Umfanekiso:UCaptain Sigcu kwitheko lomhlalaphantsi wakhe.