Sports

USAPHILA UMDLALO WAMANQINDI EKRAAIFONTEIN

Kraaifontein

NguNtsikelelo Jonga

Basawubambile umdlalo wamanqindi abakwangabantu abatsha, abafana namantombi. Oku kuthethwe kwaye kungqinwe ngabangamalungu weKraaifontein Boxing Club. Abo ngu-Lukhangela Gcaza oyintombi (22)kunye no-Athule Thamsanqa ongumfana (21).

Bathini ngomdlalo wamanqindi?

ULukhangela (Roundie) Gcaza uthi umdla wakhe kulo mdlalo wabangelwa ngusisi wakhe ngexesha esafunda ibakala lesibhozo esikolweni (Grade8). Utsho esithi eyona nto emenze ukuba awuthande kwaye azinikele kulo mdlalo wamanqindi kukuba lo mdlalo uyanceda ukulawula umsindo nengqumbo. Uthi yena ukhule engumntu onomsindo kwaye uyacebisa ukuba nanjengoko iimeko eziqhubekayo ngoku zibangela imisindo, ukhuthaza ekwacebisa ukuba namanye amantombi kwanabafana ingakumbi kulutsha ukuba bawujoyine lo mdlalo ukuze babenakho ukuxhamla ekuthini bakwazi ukulawula imisindo yabo. ULukhangela yintshatsheli yalapha eKraaifontein. Uthi uRoundie yena ungene kulo mdlalo esithi uya nje ukuya kuzilolonga, ingasikuko ukuba kwakukho umntu amaziyo owayeyimbethi manqindi. Kodwa uthi umdla wakhe uqale ngokuthi achazelwe ngumqeqeshi uTata uMonwabisi ukuba uyawaqeqesha namantombi. Kulapho athi wazixelela ukuba makakhe azame. Umlo wakhe wokuqala babeyokudlala eKhayelitsha, kwaye yena yayinguye yedwa umntwana oyintombi. Befikile eKhayelitsha uthi okwamkhuthazayo yaba kukubona indlela amantombi awayewagalela ngayo amanqindi. Uthin oko kwamnika umdla omkhulu. Apho walwa nomhlobokazi wakhe osenyongweni, kodwa into awayifundayo kukuba phaya kwiqonga lokudlala(Boxing ring), abukho ubutshomi. Walwa ke kodwa wabethwa kuwo umlo lowo wakhe wokuqala.

U-Athule Thamsanqa yena uqale ukuwadlala amanqindi kunyaka ka-2015 kwaye wangeniswa zitshomi zakhe, phofu ngokommo babeyokubukela umdlalo weKarate eNkululekweni owawuqhubeka nokungowona awayenomdla kuwo ngelo xesha. Uthi ke bafika sekuqeqeshwa amanqindi, waba ke uyangena nangona kusuku lokuqala esithi bajinyiswa kakhulu kangangokuba waziva emadol’anzima ukuba aqhubekeke nayo, kodwa uthi kuthe ekuhambeni kweminyaka waziva eba nothando lwawo lo mdlalo. Ngexesha lomngcwabo kaMuhammed Ali ubone imifanekiso yakhe, okuyeyona eyamenza waziva ekufuna ngamandla ukuqhubeka nalo mdlalo, nalapho kuthe ngo-2018 waba uyazijula ngokupheleleyo kulo mdlalo.

 Uthi uqale ukuba ngumqeqeshi kunyaka ka-2019 nanjengoko bebengenaye umqeqeshi kuba uTata uMonwabisi owayebaqeqesha nowayekwangumseki weqela iMonwabisi Boxing Club, ube sele walandulelayo eli. Ubonile yena ukuba makathathe indawo yokuba ngumqeqeshi. Lo mdlalo ngokokutsho kuka-Athule unceda ekufundiseni ukuziphatha. Ukuba nembeko nokulwazi uxanduva umntu analo, nokuzazi ukuba ungubani. Ube nentlonipho phakathi ekhayeni nangaphandle. Uchaza athi umlo wakhe wokuqala ngo-2019 ePhillippi Plaza, ngelo xesha ena-16 leminyaka walwa notata owayemdala kunaye ngenxa yesimo sokukalwa  bomzimba nalapho ubunzima bomzimba wakhe wawusithi -60kg. Walwa ke kodwa nangona waye wabethwa kuwo loo mlo.