Crime & SafetyLocalNews

Ibanjiwe indoda ebulele umfazi wayo

Monwabisi Khininda

Amapolisa abambe indoda eneminyaka engama-46 ubudala ngezityholo zokubulala umfazi wayo oneminyaka engama-43 ubudala kwilali iMount Arthur eCacadu (Lady Frere) ngoLwesine weveki esisuka kuyo.

Kutyholwa ukuba umrhanelwa uye wazinikela emapoliseni emva kwesi siganeko. Amapolisa atyelele kwindawo yexhwayelo ze athi akufika apho afumana umzimba womntu wasetyhini uthe tywaa kwichibi legazi, unamanxeba okugwazwa.

Isizathu sokubulawa kwale nkosikazi asikaziwa kwaye ityala lokubulala liyaphandwa.Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla kaMantyi yaseLady Frere kungekudala.