Community

Kukhangelwa abantwana abaxhwilwe eLesotho

Yintatheli yeKhwezi

Amapolisa aseMatatiele anqakule avalela abarhanelwa ababini abaphakathi kweminyaka engama -20 ukuya kumashumi amane ubudala ngezityholo zokuxhwila nokurhubuluzisa abantwana abalishumi ukungena kweli ngondlela mnyama.Babanjwe emva kokuthiwa thsuphe kwamapolisa ngendoda ekhwelise abantwana abalishumi kufutshane negaraji ekumbindi wedolophu yaseMatatiele.UBrigadier Nobuntu Gantana othethela amapolisa ephondweni uthi le ndoda eneminyaka engama 40 ngummi waseLesotho ongenawo amaphepha mvume okungena kweli lizwe.Ubange ngelithi uhambisa abantwana ukuya koonina babo eMgungundlovu KwaZulu Natal.Ngethuba bebuzwa abantwana ngelibango bayiphikisile ingxelo yomrhanelwa besithi le ndoda ibathathe eQacha’s Nek eLesotho isithi iya kubadibanisa noomama babo.

Aba bantwana bavumile ukuba bangeniswe kweli ngokungekho mthethweni kusetyenziswa umngxuma okucingo olungumda,abeberhutyuluziswa kuwo.Amatyala aquka ukuxhwila nokungena kweli ngondlela mnyama avuliwe.Bobabini abarhanelwa kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eMatatiele kungentsuku zatywala.Abantwaba basiwe kwindawo ekhuselekileyo lisebe lophuhliso lwentlalo kwaye bafumana imfudumalo nenkathalo.Uphando luyaqhuba ukubhenca ubunzulu balomkhuba wokuxhwilwa kwabantwana.

Ibambela Mkomishinala ephondweni uMajor General Thandiswa Kupiso uncome amapolisa ngelithi olu ngenelelo lwamapolisa luncede ukuhlangula abantwana kwizenzo ezimdaka nezinuka ukutsha.