Crime & Safety

Abasetyhini bafunyenwe nenqwaba yemipu

Abarhanelwa abathathu kulindeleke bavele enkundleni yamatyala ePort St.Johns ngezityholo zokufunyanwa nenqwaba yemipu equka uhlobo lombayimbayi we-AK 47.Amacandelo amapolisa aquka i-TRT exhaswa ngamapolisa kwisithili i-OR Tambo kunye neJoe Gqabi afumene izigunyaziso zokugqogqa kwimizi emibini eTombo naseMthumbane ePort St.Johns apho bekugcinwe imipu engekho mthethweni enxulunyaniswa nolwaphulo mthetho nemilo yoonotekisi kunye nokuphangwa kwemoto ezihambisa imali.

Ngokwengxelo yamapolisa kwilali yaseTombo abambe owasetyhini oneminyaka engama-36 ubudala ngesityholo sokufunyanwa nompu oluhlobo lwe-9mm kunye namaphepha mvume awo.Amapolisa athi umrhanelwa ufedile ukuveza incwadi zokulungela ukusebenzisa umpu okanye iincwadi zokuba neembumbulu.Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi umrhanelwa wesibini oyindoda eneminyaka engama-52 ubudala ufunyenwe nompu omfutshane ungenazo iincwadi ezisemthethweni.

Imipu efunyenweyo yile ilandelayo: 1 shortgun,1 9mm pistol,1 pistol magazine,33 x 9mm cartridges kunye neshort gun shells ezintlanu.Kwesi siganeko sesibini kwilokishi iMthumbane ePort St.Johns amapolisa afumene owasetyhini oneminyaka engama-38 enetyesi yomthi ebiqulethe imipu.Ebuzwa ngale mipu uthe akanalwazi ngayo kodwa ebanga ngelithi yeyomyeni wakhe.Okwangoku akucaci ukuba uphi umyeni welinina.UCaptain Welile Matyolo uqhube wathi imipu efunyenweyo ime ngolu hlobo: 10 AK-47 Rifles,19 Magazines,100 x 7.62 Cartridges,10 Cleaning Kits, 4 x 9mm Pouches kunye ne 10 oil canisters.Ibambela Mkomishinala wamapolisa ephondweni uMajor General Thandiswa Kupiso uncome amapolisa ngokuthimba le mipu yomkhosi aphinde aphazamise ulwaphulo mthetho obelucwangcisiwe.Amapolisa abongoza uluntu ukuba luchaze imipu engekho mthethweni kuCrime Stop Number 0860010111.