Arts & CultureEducation

UMBHIYOZO NGOMSEKI OBEYINQUNUNU YESIKOLO IBLOEKOMBOSPRIMARY, UMR BATYI. BATHINI OOTITSHALA KUNYE NOOTITSHALAKAZI?

Kraaifontein 

NguNtsikelelo Jonga 

Kungomhla wama-20 kule yesiLimela, sibona abanye bootitshalakazi ngethuba sihambele kwisikolo esi. Kungexesha lakusasa ngethuba kusenziwa amalungiselelo wetheko eli. Sibabambe ootitshalakazi aba singababhungisanga, kodwa ngenxa yokutseleka kwethu siligqiza lalo mthombo weendaba sisinxibo ngethuba bethatha  imifanekiso yabo. Sabaqubula ngelo xesha ngencoko, bancokole nalo mthombo benjenje:

UTitshalakazi Zandiswa Rigala-Jikelo: “Namhlanje lusuku olukhulu kakhulu sibhiyozela uMr Batyi owaseyakuba nguNqununu wesikolo sethu, ekwanguMseki wesi sikolo. UMr Batyi uyamthanda umntu ofundayo. Uyamthanda umntu oqhubekekayo ngobomi bakhe. Ngumntu ofuna ukusoloko esibona sincumile. Ungumntu wabantu kwaye ndingatsho ngaphandle kwamathandabuza ukuba unesakhono esiluqilima sobuNkokheli (Very Strong Leadership Skill).

UTitshalakazi Nosipho Bhambatha- Diniso: “Mna ndafika ngonyaka ka-2012 apha ndafikela kuye, ‘yho-o-o!’ izinto andixhase kuzo, emele indawo yobuzali kum kuba ebeyazi yonke imeko yam, kodwa ibinguyena mntu owabangela ukuba ndibe kule ndawo endikuyo kwaye ndibe ngulo mntu endinguye ngoku ngenxa yakhe. Endicebisa, ndafumana isikolo, endiququzelela. Ezinye izinto zam zindehlele ndikwesi sikolo”.

UTitshalakazi Malgas: “UMr Batyi ungumntu onobubele kakhulu, kangangokuba nokuba wenze impazamo uwela esandleni esinenceba kuye. Siyambulela kakhulu siyamthanda. Utyale kakhulu (involved) ekuhlaleni. AkangoNqununu nje kuphela, kodwa unguMzali kwabaninzi. Siyalibulela ixesha aye walichitha nathi”.

UTitshalakazi Makhasi: ‘Owu-u-u’,andazi nokuba ndinhathetha ndithini ngalo tata. UnguTata ungumzali unobubele, kangangokuba into esahlukanise naye lixesha”, utshilo uTitshalakazi Makhasi ezibambe ngeenkophe iinyembezi”.

Kwimifanekiso engezantsi sibona UMnu Batyi ngethuba lombhiyozo.

Komnye umfanekiso sibona ooTitshalakazi besikolo iBloekombos Primary school 

“Eli libali eliqhubekayo”