UTHIWE ‘NKA’ NGESIGWEBO SOBOMI OBEZITHATHELA NGOLUNYA ISONDO KWABASETYHINI EBADLWENGULELA NASEMANGCWABENI.
Mfuleni
NguNtsikelelo Jonga
ULungile Buhlungu, nosesona sidlwengu besigqugqisa kwindawo yaseMfuleni eKapa, ugwetywe udilika jele namhlanje yinkundla ephakamileyo yale dolophu.
UBuhlungu ufunyenwe enamatyala amathandathu(6) okudlwengula, amane (4) okuxhwila, namabini (2) okubetha, ukuba nompu ongekho semthethweni kunye nokukhuthuza.
Okuvakale enkundleni kukuba phakathi konyaka ka-2014 kunye no-2019, uBuhlungu ebehlalele ukudlwengula amanina kwindawo yaseDelft kunye nase Mfuleni. Amaxhoba ebedibana nawo ezimokolweni logama amanye ebewazi ekuhlaleni ze athembise ukubagodusa nge moto yakhe, kanti uzakubaxhwila, abakhuthuze ze abadlwengule ebakhombe ngompu. Amathathu amaxhoba naphakathi kuma-
21 nama- 31eminyaka wawadlwengulela emangcwabeni.
Nangona egwetyelwe amatyala amathandathu (6) okudlwengula kuyabonakala ukuba manintsi amaxhoba wakhe.
Amaxhoba amathathu okuqala wawadlwengula eDelft ngomhla we- 11 kweyeKhala(July) ngo- 2011. Kuwo wayehamba nomnye unqevu. Amaxhoba bawafaka ehlathini ze bawakhuthuza betshintshana ngokuwadlwengula. Elinye ixhoba lazama ukulwa kodwa layeka xa bedubula phezulu.
Ixhoba lesine lona lalizihambela ligoduka ngethuba lihlaselwa ngu Buhlungu. Lafunyanwa ngumntu wayedlula ngemoto ecaleni kwamangcwaba lize kwaye lonzakele, layovuka esibhedlele. Ixhoba lamazi umsolwa nanjengoko behlala kwindawo enye. Lona ladlwengulwa ngo- 2017.
Amabini wona amaxhoba adlwengulwa kwekaCanzibe (May) ngo- 2018, nalapho bathi baxhwilwa ngu Buhlungu ebakhombe ngompu ze wayobadlwengulela emangcwabeni ase Delft.
UBuhlungu (40) nongu tata wabantwana abathandathu (6)ukhanyele wema ngomlenze omnye esithi amaxhoba onke ayamtyhola. Ngethuba bekusaxoxwa wacela ukudibana namaxhoba ngelithi ufuna ukuwaxelela ukuba akhombe umntu orongo.
Ukubanjwa kwakhe kuza emva kokuba ngo- 2020 waye watyholwa ngokudlwengula, nangona wathi wabhungca kuleyo, emva kokutsalwa kwencidi yofuzo, amapolisa afumanisa ukuba iziphumo zezomsolwa ekudala bemkhangela. Ubhululu wakhe yena ke akakabanjwa.


