BACELA UNGENELELO LWESEBE LEZEMFUNDO ABAZALI
NguMashubie Lentsha
Khayelitsha
Ngomhla wesi-8 kweyeThupha ku-2025 umfundi owenza ibakala lethoba (grade-9) oyinkwenkwe ubethiwe ngutitshalakazi wakhe. Oku kwenzeke kwisikolo sesiSotho i’Hopolang Primary’ esizinze kumbindi waseKhayelitsha. Kubekho umfundi oye wenza into ehlekisayo kwigumbi labo lokufundela, kwahleka wonke umntu kodwa into yaphuma naye. Hayi ke wazenzela utitshalakazi kuye wamvuna ngo’pipe’ obizwa ngeGreen Mamba.
Ngokwengxelo yomfundi uchaza athi, “Undibethe ngokungathi ubetha inja uMisi wam, endibuza ukuba ndihleka ntoni, ndazama ukucacisa okukuba, andihlekanga mna kodwa akafunanga kundimamela, wazenzela enditywatyusha. Ndizamile ukuxhumela lo ‘pipe’ kanti ndiza kumphosa, wandichana kumagaqa akumzimba ongezantsi(private part balls). Ndiphumile ke ngelikhalala igumbi elo, ndaleqisa kwigumbi langasese ndisiva iintlungu ndikhala, ndazigalela ngamanzi ndizama ukuzipholisa. Ndibuyele kwigumbi lokufundela ndamxelela kodwa akakhange andihoye utitshalakazi wam. Kwi’period’elandelayo kuye kwangena u’Class teacher’wam ndabe ndinga kwazi ukuhlala wabuza ndamxelela. Kulapho andithathileyo wayondibeka kwigumbi elikhethekileyo labafundi xa bethe bagula ndahlala imini yonke kwade kwaphuma isikolo”.
Singabahlali sidibene nabazali bomntwana, sabuza amanyathelo athathiweyo ngesisehlo. Umzali phendule ngelithi, akukho mntu ubachazeleyo ngesisehlo, bathethile no’Class Teacher’ waphendula ngelithi udiniwe yena kuthetha.
Uthathiwe ke umfana waleqiswa esibhedlela kwiClinic yase Site B nalapho aye wancedakala khona. Iintlungu ebekuzo umtwana azithetheki, ebesele enaso nesiyezi, ekhala ngeentlungu, sekunzima nokuchama, ekucingeleka okokuba ubude bomgama lo awuhambileyo ukusuka esikolweni kunye nexesha eli alihleliyo esikolweni zibe nomthelela nanjengoko ebebethwe besandukufika esikolweni. Kuye kwakhona uTitshalakazi uthile ohletyelwe lilungu losapho lomfundi okokuba imbi imeko yomtwana,ekucaca Kuba naye uye wakhangela uPrincipal wesikolo ngokukhawuleza wambikela oludaba. Kulapho u’Principal’ exhomane nomzali womntwana, nyani wafika iindaba zinje ngokuba ebezixelelwa . Waxolisa egameni leskolo sakhe kodwa amazwi wokugqibela wakhe athe, “uqala nokuyiva yena lenyewe futhi ke akangeni ndawo ngoba ubaxelela rhoqo ootitshala ukuba bangabethi bafundi. Umenzi akabanga nakuzisola uPrincipal ubafulathele, uClass Teacher wabafularhela naye, ntoleyo ebangele umsindo kubazali, bahamba bayokuvula ityala ngakuTitshakazi ngomhla we-11 kweyeThupha (August) 2025. Baye bazidina kwakhona behamba nabakwa Ntsasana, ngokulandela umthetho nomgaqo wabo, bathethile noPrincipal , wabaqinisekisa into yokuba uzakuzama kangangoko ukudibana neSebe lezeMfundo (Department of Education) ababikele esi sihelegu. Kwaye kuyevakala okokuba abantwana bayabethwa ngooTishala kwesasikholo futhi ke babethwa bashiyeke neziphaku. Ukhona noTitsthala oye ababethe imivumba egqithileyo kwisiHlanu .
“Makangenelele uDepartment of Education ingcwangu enooTsitshala ngabantwana babo , ayibaphathi kakuhle abazali”.


