Bashiyeke bengenazo nezonxiba impahla ngenxa yomlilo
Amaxhoba amabini ashiyeke engenazo nezokunxiba impahla kumlilo otshise amagumbi amabini kwindawo yase Masonwabe eNgcobo.Unobangela womlilo yi flame stove ethe yadubula ishiywe yodwa.Abahlali bebephume ngeyona ndlela ukuyoncedisa ekucimeni umlilo kuquka nemoto leyo yezicima. Ixhoba u Asanda Mayekiso uthi ebesuka empangelweni emva kokuba engene endini weva ngesithonga esikhulu waphuma ukuyobiza abantu nabuye sele umlilo umoshe yonkinto,esithi ubone umbono zange wawubona umlilo ongakaya. “Andnazo nezinjani impahla ndishiyeke ndilambatha isazisi sam sitshele ngaphakathi ,andazi noba mandiqale ngaphi, sixhaswe ngokutya siyabulela,”utshilo uMayekiso. Ivenkile zithe zaphisa ngokutya kwabo batshelweyo. UCeba wendawo uNomaliviwe Sitemela uthi bangene kwivenkile becela amalizo kungoko bekwazile uku baxhasa,ukwabaxhobise ngokuba bazikhathalele izinto abazibasayo kuba zibanabo ubungozi.Ongumelwane umama u Nomsa Dayisi ukungqinile ukuba amaxhoba athe abe ayanikwa izinto ngoncedo lukamasipala nosomashishini baseNgcobo.Amaxhoba akwiphulo lokufunelwa indlu yethutyana.
Umfanekso:Umlilo oshiye amaxhoba engenazo nezazisi.


