Crime & SafetyNews

Ivele enkundleni intwazana yaseMakhaza

Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026  Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Khayelitsha

Ivele phambi kwenkundla intwazana yaseKhayelitsha, emva kokubanjwa ineephasile ezibiweyo ezixabisa imali eqikelelwa kuma-R250 000-00.

Ngolwesibini emini, amapolisa aye axelelwa malunga nemoto ebithutha iipasile ezibiweyo ezithathwe kwindawo yaseMakhaza. Amapolisa aleqisa ngokukhawuleza emkhondweni wale moto, apho ithi yabonwa khona kwisitalato iNxaruni, eJ-Section eKhayelitsha. Kweso sithuthi bekukho umqhubi kunye nogxa wakhe.

Amapolisa afumene ulwazi lokuba kukho abantu abathile abathathe iipasile bazifaka kweso sithuthi, emva koko basinda nazo.

Uphando luye lwaqhubeka, de ekugqibeleni amapolisa afika emkhondweni wesinye isitalato, iMcewule, eJ-Section, apho afike abamba intwazana eneminyaka engama-22 ubudala ifunyenwe ineephasile ezibiweyo.

Lo mbandela usaqhubeka phambi kwenkundla, ngelixa uphando lwamapolisa luqhubeka ukuqinisekisa bonke abachaphazelekayo kweli tyala.