Bakhala ngokungakhuseleki ngenxa yomqolomba wezihange
Yintatheli yeKhwezi
Abahlali baseGilindoda Enxuba kwawadi-3 bamemelela kumasipala ukuba kubekho akwenzayo malunga nesakhiwo esatshatyalaliswayo nesingumqolomba wezihange kungoku nje.Ngokutsho komhlali uLuthando Jaji uthi esi sakhiwo yayiyindawo eyayincedisana nolutsha,kuphuhliso lwezakhono. Uthi kwathi ekuhambeni kwexesha yabe iyonakaliswa emva kokuba umasipala ebayekisile oonogada ababeqashelwe ukugcina esi sakhiwo ntoleyo eyakhokelela ekubeni ibesisigqubo sezihange apho kwenziwa khona ulwaphulo mthetho.
Abahlali bathi banqwenela ukuba umasipala ayivuselele kwakhona lendawo iqhube ngohlobo eyayiqhuba ngalo ngexesha langaphambili kwaye aqinisekise ngokhuseleko oluluqilima khon’ukuze nolutsha lukwazi ukuphuma kwiziyobisi kwehle nezinga lolwaphulo mthetho.Kusenjalo,omnye wabahlali uXolelwa Rhalawe uthi owakhe umntwana waqala kwesi sakhiwo ukuzibandakanya neziyobisi,watsho esithi lendawo iyingxaki ekuhlaleni kwaye baziva bengakhuselekanga njengoko kusoloko kufunyanwa imizimba yabantu ababhubhileyo bengaziwa ukuba ngubani obabuleleyo.Uthi mvanje bekukhe kwemka umbane ilokishi yonke ngenxa yabanqevu kodwa akukho ngxelo abakhe bayifumana ngakubantu bomthetho.


