Crime & Safety

Amagosa wonyanzeliso mthetho eMnquma abambe amasela entambo zombane

Ngu Anele Raziya

Kubonakala zithande uxhaphaka iziganeko zokuntsalwa kombane ngokungekho semthethweni ngoosomashishini abathile kwidolophu yaseGcuwa eMnquma nengabo bathengisela kwikhonteyina (container). 

Kwinyanga ezibalekayo ezidlulileyo iziko eliphehla umbane, uEskom ekunye namagosa wonyanzeliso mthetho kumasipala waseMnquma (Law Enforcement) bamba iphulo lokujikeleza idolophi yaseGcuwa bekhangela amashishini azintsalelayo umbane ngaphandle kwemvume. 

Apho baye bbhanqa ikhonteyina eziliqela ezintsale umbane ngaphandle kwemvume baye baqhawula zonke iintambo ezazisetyenzisiwe bahamba nazo emva koko bavula ityala emapoliseni bevulela abo bophule umthetho.  

Phakathi kwabantu ababanjwayo ngokuntsala umbane ngokungekho semthethweni kwakukho nabemi bangaphandle (foreigners) abashishina ngokwenza inwele (Salon) kunye nabo bathengisa ukutya okuvuthiweyo.. 

Emva kokuba eyibonileyo lengxaki Eskom waye wakhupha isilumkiso esithi abo bangosomashishini eMnquma mabohlukane nokuzintsalela umbane kuba lonto ibanefuthe ekuwiseni umbane ucime kungalindelekanga kwaye ingenza igozi enkulu lonto. 

Kwiveki ephelileyo amagosa onyanzeliso mthetho eMnquma aphinde ajikeleza egqogqa ezi khonteyina zithengisa ukutya nezo kwenziwa kuzo inwele. 

Kwelo gqogqo aye abamba amathathu walapha eMzantsi Afrika kunye nabemi bangaphandle (foreigners) ababini emva kokuba befunyenwe benentambo yombane engu 50 mitres ubude kunye nemihlakulo emibini ekubonakala ukuba bebesenzisa yona ngexesha begrumba intamba leyo ngaphantsi komhlaba. 

Iminyaka yala madoda omahlanu iphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu ukuya kumashumi amahlanu kwaye aye asiwa emapoliseni. 

Intambo ababanjwe nayo abarhanelwa kuyavakala ukuba ibisetyenziswa uhambisa umbane kwikhonteyina ezikwistrato iGrubb Street kwidolophu yaseGcuwa. 

Kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo iGcuwa neelokishi ezingqongileyo bezikhe zanengxaki yokucinyelwa ngumbane ngenxa yokubiwa kwentambo zombane nokuntsalwa kwawo ngokungekho semthethweni. 

Ngenxa yeso senzo solwaphumthetho amashishini athile ebeye athwaxeke kakhulu kwicala lemali ngeniso. 

Amagosa onyanzeliso mthetho eMnquma azimisele uqhubeka ebeke iliso elibukhali kwabo bazintsalela umbane ngokungekho semthethweni kuzo zonke dolophu zaseMnquma. 

A person standing in front of a pile of trash

AI-generated content may be incorrect.

A close up of a bunch of wires

AI-generated content may be incorrect.

Photo Caption : Amagosa wonyanzeliso mthetho eMnquma abambe amasela entambo zombane.Â