Crime & Safety

Isidlwengu sibulewe ngabantakwaso

Yintatheli yeKhwezi

Kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eMqanduli kuleveki abaninawa ababini abatyholwa ngokubetha babulale umkhuluwa wabo onamashumi amathathu anethoba eminyaka ubudala emva kwesityholo sokufika ezenzela edlwengula umtshana wabo ngempela veki.Abarhanelwa baphakathi kweminyaka elishumi nesixhenxe ukuya kumashumi amabini ananye ubudala.

Ngokutsho kwengxelo yamapolisa esi siganeko senzeke kwilali iMambalwini eXhorhana eMqanduli ngoMgqibelo kwisithuba sentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.Abasolwa babanjwe ngamapolisa kwintsasa yangeCawa.Isithethi samapolisa kummandla waseMthatha uCaptain Welile Matyolo kutyholwa ukuba abaninawa nomtshana wabo oneshumi elinesihlanu leminyaka ubudala bebesuka endaweni yentselo ngorhatya ngoMgqibelo ngethuba befika umkhuluwa oneminyaka eyi-39 edlwengula umtshana wabo.

UCaptain Matyholo uthi kudizwe ukuba bambethele uGqirha nezicaka nangona ezamile ukulwa kodwa kwacaca ukuba amandla awalingani.Bambathe walutywantsi baze bambophelela bamvalela kwindlu enguronta.Ingxelo iqhuba ithi ekuseni ngeCawa kufikwe eyikhabile ibhekile umkhuluwa.Amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo apho afike abamba abarhanelwa ababini babekwa ityala lokubulala.Kukwavulwe ityala lokudlwengulwa komtshana.