IBANKI YASEPOSINI AYIKASIFAKI SICELO SEPHEPHA-MVUME LEBHANKI ELIPHELELEYO
MZANTSI AFRIKA
Kutheni i-Postbank yenza ukuba wonke umntu atshintshele kwikhadi elimnyama, kwaye ngokukhawuleza wenza u-U-turn?
• IBanki yasePosini ayikasifaki sicelo sephepha-mvume lebhanki elipheleleyo, kodwa ithi ivumelekile ngokusemthethweni ukuba ikhuphe amakhadi phantsi koMthetho weNkqubo yeNtlawulo yeSizwe.
• Ukukhutshwa kweKhadi eliMnyama kwanqunyanyiswa ngesiquphe ngo-Epreli kulandela inguqu engumbhodamo esuka kwiKhadi leGolide lakwa-SASSA.
• I-Reserve Bank ithe ukunqunyanyiswa okwethutyana kokuqaliswa kweKhadi eliMnyama yayikukuvumela iBhanki yasePostbank ukuba ifakele ulawulo olongezelelweyo kuMakhadi aMnyama.
• I-Postbank ithi iKhadi eliMnyama neGolide lihlala lisemthethweni, kwaye isazimisele ukwenza isicelo sephepha-mvume lebhanki elipheleleyo.
Emva kweenyanga zotyhalo lwelizwe lonke lokufumana abaxhamli besibonelelo sikarhulumente ukuba batshintshele kumakhadi amatsha eBhanki yasePosini, iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika (SARB) iqinisekise ukuba ibhanki yasePosini ayikasifaki sicelo sipheleleyo sephepha-mvume lokubhankisha.
I-SARB ixelele iGroundUp: “I-Postbank kufuneka ifake isicelo ngokwecandelo 16 lomthetho iBanks Act ukubhaliswa njengebhanki, ukuvunywa kwaso isicelo sixhomekeke/kuxhomekeke ekuthotyelweni kwayo izibonelelo ezixelwe phantsi kwecandelo 17 lomthetho iBanks Act. I-Prudential Authority ayikhange ifumane sicelo kulo mba.”
Endaweni yoko, i-Postbank isebenza njengoMthathi-nxaxheba weNkqubo eMiselweyo yokuCoca (i-DCSP) phantsi koMthetho weNkqubo yeNtlawulo yeSizwe, eyivumelayo ukuba ikhuphe izixhobo zokuhlawula ezifana ne-SASSA Gold kunye ne-Postbank Black Cards ngaphandle kwelayisensi epheleleyo yebhanki, ngokutsho kwe-Reserve Bank.
I-Postbank ixelele iGroundUp ukuba “ukuba yibhanki egcwele ilayisensi yorhwebo yinxalenye yogunyaziso olubanzi lwePostbank lokuzinzisa kwibhanki karhulumente waseMzantsi Afrika”, kwaye “isazimisele ukwenza isicelo selayisensi yebhanki … kwaye isendleleni namaxesha eprojekthi yokwenza oko”.
Isithethi sakwaSASSA uPaseka Letsatsi uthi banolwazi ngelayisenisi esebenza phantsi kwayo ibhanki yasePostbank. “Kubekho iintlanganiso phakathi kwebhanki yasePostbank iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika kunye neSASSA engumntu onomdla, xa sele bequkumbele ezo ngxoxo, iSASSA izakwaziswa ngeziphumo kwaye oko kuzakwaziswa noluntu,” utshilo uLetsatsi.
Ukukhutshwa kweKhadi eliMnyama elinesiphithiphithi. Ngo-2021, 2022 no-2023, iSARB yakhupha izaziso ezitshintshayo ezifuna ukuba iPostbank iwasuse amaKhadi eGold kwi ‘system’ ize iwafake endaweni yawo kusetyenziswa isitshixo sokhuseleko sekhadi elitsha ngowama-31 kuMatshi ka-2025.
I-Postbank yathi ekuqaleni utshintsho olusuka kwiGolide ukuya kwiKhadi eliMnyama luza kugqitywa “ukuba nje iKhadi leGold litshintshiwe”. Kodwa ekuqaleni kukaJanuwari, isithethi sePostbank uBongani Diako ukhankanye umhla wokugqibela kudliwanondlebe lukanomathotholo. “Abaxhamli bayakhuthazwa ukuba bawafumane la makhadi matsha ngokukhawuleza kuba amakhadi ngokuqinisekileyo kufuneka abe ephumile kwinkqubo nge31 kaMatshi kulo nyaka.


