UNIKEZELO LWEZINDLU: ZISINETHILE IIMVULA ASINABHONGO
Intatheli: Yonela Mpaka

Ngxogi: Umphathiswa wezokuhlaliswa koluntu uSiphokazi Lusithi uthe wanikezela ngezindlu ezintlanu kwiintsapho ezikwilali yaseNgxogi phantsi komasipala iDr Ab Xuma. Oku kwenziwe phantsi kokubhiyozela usuku luka tata uNelson Mandela. Bonke abathe banikezwa izindlu baye baphiwa nokutya ukuze bakwazi ukulala betyile.
Umasipala kwakunye namanye amasebe angqinile ukuba ezintsapho zizifumene izindlu ngokwenene. UMphathiswa uLusithi uthi bakwenza oku ngenjpngo yokutshintsha ubomi babantu, bekwafezekisa imibono nemfundiso zika tata uMandela. “Sifuna bayazi ukuba indima eyathi yadlalwa ngu Mandela enye yazo yeyokuba isidima sabo sigcineke, kungabikho mntu ulala phandle elala engatyana, sithi mabahlale befudumele balithande ikhaya baliphathe kakuhle. Sikwiphulo lokubokhela abantu abangathathintweni,” utshilo uLusithi .

Kananjalo intsapho ezithe zaxhamla bezinemincili engathethekiyo. Umama uNozipho Khowa uthi bayifumene indlu sele bethe shu zimvula nemimoya. Amacebo besele sinawo okubeka ikom ukuze singafunyanwa ngamanzi , lide ithuba sinkqonkqozile kumasipala kodwa kubenzima kakhulu ukulinda, oko ide yeza siyavuya,“ utshilo umama uKhowa nongomnye wabaxhamle kwizindlu ezintlanu.

Obekekileyo uSodolophu womasipala uSiyabulela Zangqa uvakalise ukuba sibuyile isidima nakubantwana bekhaya kuba lento yokucinga amacebo qho isina imvula ibibashiya bengaphathekanga kakuhle abantwana, uthi bakhuthaza ukuba ezizindlu abaninizo baziphathe kakuhle bangenzi izinto ezizakubangela ukuba babuyele ebugxwayibeni. Indlu nganye ithe yafakwa ibhedi kwakunye nesofa nekhabhathi ukuze abaxhamli bangabe becinga ukuba bakuqala ngaphi. Ulinyiwe umthi kumzi ngamnye ukubuyisa isidima somzi.

