UMphathiswa uNonkqubela Pieters unikeze ngeenkomo
Intatheli: Anele Raziya| Gatyane

Amafama welali yaseLubhelu kuGatyane anephupha lokhulisa ishishini lawo ade afikelele kwinqanaba lokuthengisela ivenkile ezinkulu zenyama iinkomo azifuyileyo ngenye imini.
Kulandela emva kokuba amafama wakuGatyane abizwa ngokuba yiNqabara Cooperative eye aphiwa iinkomo ezingamashumi amabini (20) liSebe elijongene noQoqosho nezoKhenketho ephondweni (Economic Development, Environmental Affairs and Tourism department) kumsitho ububanjwe kwilali iLubhelu ngoMvulo (13 Okthobha) eMbhashe.
Amafama iNqabara Cooperative athe ukuphiwa kwawo ezinkomo ngurhulumente lonto iyawakhuthaza emsebenzi wawo kwaye ukuba asebenze nangakumbi.
USindisa Dunga obethetha egameni lamafama abizwa iNqabara Cooperative, uthe ukuphiwa kwabo iinkomo ngurhulumente kuvuselela ithemba lokuba iphupha labo lokuthengisela iivenkile ezinkulu sele lizakuphumelela.
“Njengokuba urhulumente esiphe ezinkomo siyacinga ukuba lonto izakuncedisa ukuba sidale amathuba egqesho ekuhlaleni kwaye sibenegalelo olubonakalayo nakuqoqosho,” kutsho uDunga.
Uthe bengamafama banephupha lokuthengisela indawo efana ne Abottoir iinkomo zabo zenyama ngenye imini.
Uqhube wathi bazakuthengisela nabantu basekuhlaleni abanqwenela ukuxhela inkomo kwaye baphinde basebenzisane nabo banomnqweno wokufunda indlela yokusebenza xa ungumfama.
Ngokwengxelo kuyavakala ukuba emva kokuba lamafama ephiwe ezinkomo kunye kunye nokutya kwazo ngurhulument, liye lanqabela kwikhulu (100) inani lenkomo anazo ngoku lamafama wakuGatyane.
Kwaye lonto kuthiwa ibengawo wodwa anenkomo ezininzi kwingingqi yaseMbhashe naseMnquma.
UMphathiswa weSebe, uNonkqubela Pieters uthe injathelo labo lokuxhasa amafama ngenkomo bengurhulumente kungokuba bafuna abantu babenendlela yokuziphilisa ngeligxotha idlala.
UPieters uthe ulindele amafama wakuGatyane ukuba nawo adlale indima ebalulekileyo kwicala lokhulisa uqoqosho kwaye nawo aziphuhlise njengokuba sele efumene inkxaso.
Ukwathi ulindele ukuba ancedise nakwicala lokudala amathuba egqesho ekuhlaleni kwaye uye wahlaba nekhwelo lokuba kusondezwa ulutsha kwiprojekthi ezifana nokufuya nolimo emakhaya.
Umasipala waseMbhashe obeyinxalenye yonikezelo lweenkomo uye wakhuthaza oosomashishini ukuba bawasebenzise amathuba abawufumanayo urhulumente uguqula isimo sempilo yabo ibengcono.

