HealthMZANTSI AFRICANews

Isitofu sokunqanda ulosuleleko lukaGawulayo 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Eastern Cape

Ilizwe loMzantsi Afrika lizakuqala ukukhupha isitofu esincedisa ukunqanda ulosuleleko lwentsholongwane kaGawulayo, ebutsheni bonyaka ozayo. Igama lesi sitofu yiLenacapavir kwaye sizotofwa abantu kabini ngonyaka. Ngokutsho kwengxelo ekhutshelwe amajelo eendaba esi sitofu sesivavanywe amatyeli amaninzi kumazwe awohlukeneyo kuquka neli loMzantsi Afrika.

UGqirha Joel Steingo wenkampani i-TB HIV Care uthe le yindlela entsha yokunciphisa inani labantu abosulelwa yintsholongwane kaGawulayo ingakumbi ngexesha iinkqubo zokuyithintela ziphantsi koxinzelelo ngenxa yemeko yezimali engentlanga.


Abona bantu ekulindeleke baxhamle ngabo basemngciphekweni wosuleleko abaquka amantombazana aselula nabasetyhini, abathengisa ngemizimba, amadoda abelana ngesondo namanye amadoda kunye nabo bazitifa ngeziyobisi besebenzisa inaliti enye.

Ingxelo idize ukuba le-Lenacapavir inamandla okubuyisela ulawulo lwentsholongwane kaGawulayo kwaye isebenza ngokufanayo ne-ARVs kodwa yona inqanda ulosuleleko kwabo basemngciphekweni.

Mlesi singathanda ukuva uluvo lwakho ngeli bali.