Arts & CultureHealthMPUMA KAPANews

Urhulumente eMpuma Koloni uhlabe ikhwelo lokuba ipheliswe imiguyou yamakhwenkwe 

Intatheli: Anele Raziya | Centane

Njengokuba kusondele ixesha lolwaluko lasehlotyeni, urhulumente eMpuma Koloni uhlabe ikhwelo lokuba ipheliswe imiguyo yamakhwenkwe kwindawo zaseMnquma eziquka uCentane, Ngqamakhwe naseGcuwa. 

Unobangela weli khwelo lika rhulumente kungokuba ufuna ukunqanda into yokuxabelana kwamakhwenkwe ngamazembe abulalane xa kuqhuba imiguyo. 

Kwintlanganiso ebibanjelwe kwiholo yedolophu yakuCentane kwiveki ephelileyo urhulumente ebekhwebe iinkosi zelali zaseMnquma, amakhankatha, iingcibi, imibutho ezimeleyo, amapolisa, iforum ejongene nolwaluko eMnquma kunye neenkokheli ebezipuma kumasipala waseMnquma zikhokelwa ngusomlomo webunga uMonica Qaba. 

UMama uNozibele Nyalambisa nguye inkokheli ebiphuma kwiNdlu yoWisoMthetho ephondweni uzokuzimasa lentlanganiso ibibaluleke kakhulu. 

Injongo zale ntlanganiso ibikushukuxwa komcimbi weemiguyo yamakhwenkwe ukuba ipheliswe ngelinqanda ukubulalana kwabantwana ngelixesha lolwaluko. 

UNyalambisa olilungu lepalamente ephondweni, uthe bengurhumente bacela abazali ukuba bangayivumeleni imiguyo ibekhona kuba lonto isoloko isiza nengxaki nalapho amakhwenkwe aye alwe ngamazembe abulalane. 

Uqhube wathi lixaduva labazali, iinkokheli zakuhlaleni kunye neenkosi ukuba basebenzisa unqanda into edibene neemiguyo njengokuba kusondele ixesha lokuya esuthwini kwamakhwenkwe. 

Indawo efana noCentane yenye yendawo esoloko ingundaba mlonyeni kwinto yokulwa kwamakhwenkwe exabelana ngamazembe ingakumbi xa ilixesha lolwaluko. 

Umasipala waseMnquma, iinkosi, inkokheli zasekuhlaleni namapolisa bavumelene ngazwinye ukuba kufuneka kusetyenziswane ngelixesha lolwaluko ukunqanda imilo yamakhwenkwe neemiguyo. 

Iingcibi namakhankatha ebezimase lentlanganiso aye akhunjuzwa nawo ngeemigaqo nemimiselo ekufuneka eyilandele xa esalusa amakhwenkwe ngexesha lolwaluko. 

Ezinye zezinto ezikhunjuzwe zona iingcibi kuthiwe kufuneka zoluse amakhwenkwe abhalisileyo kwaye alwenzileyo nohlolo kumaziko wezempilo nanjengoko umthetho unyanzelisa. 

Malunga nokuncediswa ngempepha mvume zokwaluka umasipala uthe abantu bangasondela kwiofisi kaSomlomo webhunga laseMnquma ukuze bafumane ulwazi oluthe vetshe okanye badibane neenkosi ekuhlaleni zizokubaxelela ngezinto ezilandelwayo ngexesha lolwaluko. 

Kwintlanganiso kuphunywe kuvunyelwana ukuba ingavunyelwa into yokwenziwa kwemiguyo kwaye wonke umntu alandele umthetho ngelixesha lokusiwa kwamakhwenkwe ehlathini.