Crime & SafetyLocalNews

Awukafunyanwa nangoku umzimba wommi wangaphandle kubugoxo besakhiwo.

Intatheli: Ntsikelelo Jonga | George

Emva konyaka onesiqingatha kwehla intlekele yokudilika kwesakhiwo eGeorge, kukho ummi waseZimbabwe ongazange waphinda wabonwa. Oku kuvele ngethuba ikomiti yasePalamente yesebe lemisebenzi yoluntu ibichophe kwiholo loluntu laseThembalethu izokuphulaphula izimvo zamaxhoba neentsapho zawo ngoLwesine.

UMnu Tendai Maguneri wayesebenza kumgangatho wesibini wesisakhiwo ngokokutsho kwalowo ebethethela abemmi baseZimbabwe uMnu Blessed Gere kule ntlanganiso. Nangona abanye abantu ekwakukholeleka ukuba bavaleleke ngaphantsi kobugoxo babhaqwa besebenza kwezinye iindawo, uMaguneri yena zange aphinde abonakale kusapho lwakhe oluquka inkosikazi yakhe kunye nabantwana abathathu.