Amalungelo awabasetyhini angakhuseleka-SARCS
Monwabisi Khininda | Mzantsi Afrika
I-South African Red Cross Society kwiphulo layo lokuphawula intsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwa igqithise umyalezo othi-ilizwe loMzantsi Afrika alijamelenanga neengxaki zokuhla kuphela kodwa lijongene nentlekele yokutshabalala koluntu.
Eli ziko lichaze ukuba-
- Kwiiyure ezintathu kukho inina eligetyengwayo.
- Kwiiyure ezintlanu kukho umntwana obulawayo.
- Amashumi amane eepesenti zamaxhoba odlwengulo ngabantwana.
- Iipesenti ezintlanu zokunyhashwa kwamalungelo abasetyhini ehlabathini.
- Ngaphezu kwama-53,000 amatyala okuxhaphaza ngokwesondo kunyaka ophelileyo.
- Amatyala okudlwengula aphakathi kwe 8-14 % akhokelele ekugwetyweni kwezidlwengu.
- I-GBVF ityabula ilizwe loMzantsi Afrika imali ekuma-R28-42 biliyoni ngonyaka.
- Abasetyhini nabantwana bathwele ubunzima angakwazi ukuhlangabezana nabo urhulumente.
Eli qhumrhu lithi liyayibona imigudu karhulumente yokuhlangabezana nezingxaki ngalamaphulo-: Presidential Summits, NSP-GBVF, nemithetho engqwabalala ukuphelisa lemikhuba, ukusungulwa kwengxowa-mali ye-GBVF, ukwanda kwamaziko eThuthuzela Care Centres kodwa ubundlobongela buyanda.
Eliqumrhu lithi kungako libetha ikhwelo lokuba kuwiswe imo yentlekele/nonxunguphalo xa kuqatshelwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana. Othethela  i-SARCS uthi ngokomthetho we-Disaster Management Act intlekele sisiganeko esidala ukufa, iingozi, izifo, neGBV iphantsi kolu luhlu. I-SARCS ixhasa nawaphi amaphulo ekhuseleko, ukuxhotyiswa kwamaxhoba, ukuhanganiswa kolutsha nongenelelo loluntu.Iphethe ngelithi ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana kunganqandeka, ukunukunezwa kwabasetyhini kungathintelwa noluntu luyakhuseleka.

