Amapolisa aphanda ukubulawa kwezithandani
Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa
Abecuphi bakwaNobuhle eMpuma Kapa baphanda unobangela wokubhubha kwezithandani ezifunyenwe zibanda nkca okwempumlo yenja ekhayeni lazo ngoLwesihlanu. Kuvakala ukuba kwisithuba sika-9h00 ekuseni amapolisa abizelwe kwisitalato iBaleka, KwaNobuhle apho afike afumana le mizimba yezithandani.
Owenina umzimba ubulele ebhedini logama owendoda ubujinga eluphahleni lwendlu. Isithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse Van Rensburg uthi amaxhoba achazwe njengoMathabela Skei (41) kunye neqabane lakhe uLunga Ronald Mabombo (49). Imeko ekhokelele ekubhubheni kwabo iyinxalenye yophando lwamapolisa.

