Ulutsha luyabongozwa ukuhlolela intshologwane kaGawulayo roqo
Anele Raziya | Mpuma Koloni

ISebe lezeMpilo neAids Council eMpuma Koloni zikhuthaza ulutsha ukuba lungahambeli kude kumaziko wezempilo uyokuxilongela intshologwane kagawulayo.
Oku kuvele ngexesha urhulumente waseMpuma Koloni ebebambe usmsitho wokuqaphela usuku lweWorld Aids day eGqeberha ebutsheni balenyanga.
Usihlalo kwiAids council ephondweni, uMhlekazi uMelikhaya Lusithi uye wahlaba ikhwelo kulutsha ukuba lityelele amaziko ezempilo ngalo ixesha ukuyoxilongela impilo.
ULusithi uthe abantu esele bezazi ukuba bachaphazelekile ngugawulayo mabaye rhoqo uyokuthatha amayeza ulungiselela intshologwane kagawulayo.
Uqhube wathi ngamanye amaxesha abo bachaphazelekileyo yile ntsholongwane baye barhuqe inyawo ekuthatheni amayeza ntoleyo ebaneziphumo ezibi empilweni yabo.
Ethetha uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa obeyinxalenye yale mini, uthe kulo mceli mngeni wabantu abarhuqa inyawo ekuthatheni amayeza wabo, bancame basungula inkqubo apho babayela ezindlini bebakhuthaza ukuba bakhathalele amayeza wabo.
UCapa uthe urhulumente wenza ngako konke okusemandleni ukuqunisekisa ukuba wonke ubani uyazifumana inkonzo kumaziko ezempilo.
Kangangokuba njnengokuba iziholide zika zokuphela konyaka, uthe bazakundwendwela kwamanye amaphondo kufuneka baqale kwikliniki zabo ukuze banikwe incwadi ezizakubanceda xa befuna amayeza kwezo ndawo bazakube bekuzo.
Uqhube wathi ulutsh maluphakame ngobuninzi lihambe liyoxilongela intshologwane kumaziko ezempilo kwaye wakhuthaza luhlale lisebenzisa izikhuseleli (condoms) xa lisabela ngokwezesondo ingakumbi.
Uvalelise ngelithi ukuze lehle kakhulu inani labantu abosuleleke intshologwane kagawulayo kufuneka kusetyenziswane uqala kubahlali, amaziko wezempilo kunye neemibutho yabucala kwaye bakhuthazwe abantu bayokuzihlola kumaziko wezempilo.
Ukanti abahlali ebebezimase lemini eGqeberha bathe bawuvile umyalezo kaCapa noka Mhlekazi uLusithi njengoko ibicacile kwaye ibakhuthaza ukuba bazikhusele ngalo lonke ixesha besabelana ngezesondo.


