Bacinga ikamva labo abafundi base KSD
Intatheli Yonela Mpaka
Abafundi besikolo sase King Sabatha Dalindyebo kwidolophu yase Ngcobo bayaqhuba noqhanqalazo emva kokuba bengade bazifumane imali zabo zokufunda zika NSFAS. Abafundi basivale gingci isikolo esi nesele kuhamba intsuku bengasangeni kumasango lo. Izikhalo zabo abazibeka phambili nezibenza ixhala kukuba bayashiywa zizifundo kuba imviwo zika Juni zizakufika ngoku.
Ongumfundi oxhalabileyo ngekamva lakhe nosuka kwikhaya elingathathintweni uvakalise ukuba uyohluthwa ilungelo lakhe lokufunda abeyilento afuna ubayiyo, ekhaya ndim osincekeleleyo isikolo kuba ndifuna indlela yokuphila neyokuphucula apho ndisuka khona kodwa ngoku lomathuba anjalo aya ebamfiliba.
Inkokheli zomasipala i-Dr Ab Xuma zithe zakuva lomgushuzo wabafundi zaphathelela ukusabela neziphantsi kwala ofisi ka Somlomo ekhokhelwe ngu Mandilakhe Kondile nabazigxeke kanobom ezizinto zimosha imfundo yabantwana. “Sixhalabile kuba abantwana sifuna bafunde xabesisiwa ngapha nangapha xa kufuneka benikwe imali zokufunda noko ayisiphathi kakuhle lonto kuba abantwana sifuna kubo kuphume inkokheli zangomso, sizakuma nabo sibancedise de imali zabo ziphume sicela noko kwabo bakulawulo beze nesisombululo kuba sinexhala lokwanda kwenani labo basiyeka isikolo phambi kwexesha,“ utshilo u Kondile.
Abafundi bathembise ngokungenelela koluqhanqalazo de baphenduleke kwizikhalo zabo. Abaninzi selebegxothiwe   kwindawo abahlala kuzo ngenxa yokungakwazi ukubhatala amagumbi abahlala kuwo .Olunqhanqalazo luyaqhuba.


