EducationNews

Owayeyititshala udubule wabulala iititshala ezintathu

Monwabisi Khininda | Ntabankulu

Amapolisa aseMpuma Kapa aqinisekisile ukuba ititshala yesithathu ebisesibhedlele emva kokudutyulwa noogxa bayo iye yoyisakala yaswelekela kwisibhedlele iKing Madzikane ka-Zulu kwaBhaca. Ngokwengxelo yamapolisa indoda ekuma-52 eminyaka ubudala kwiveki ephelileyo itsibe ucingo yangena ngaphakathi kwisikolo iNtabankulu  Junior Secondary, kwidolophu yakuNtabankulu, ifike yaqhumisa ilophisi kwiititshala ezintathu ebezikwigumbi lokufundela. Omnye wamaxhoba uswelekele kwindawo yexhwayelo enye ititshala yaswelekela endleleni eya esibhedlele eyesithathu yaze yaswelekela esibhedlele.

Le ndoda ekuvakala ukuba yayiyititshala  kwesi sikolo yaze yagxotwa yakubanjwa ngezityholo zokuxhaphaza abafundi ngesondo ngo2023, ithe yakube ibadubule bobathathu abatitshala yawujongisa kuwo umpu yazibhodloza indlu yobuchopho yatsho yayikhaba ibhekile. Amapolisa aphanda amatyala amathathu okubulala kunye nelokuzibulala elinye.Ngokutsho kwamapolisa le ndoda ibisaphume ngebheyile kwelityala.