INkulumbuso igxeka iKumkani yabaThembu
Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa
IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo uthi akukho mthetho kweli lizwe omthintelayo ekubeni abenobudlelwane nabantu abasemahunyeni bamanye amazwe. Oku kulandela emva kwesimemelelo sikaOscar Mabuyane oyiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa noye wayalela i-arhente zikaRhulumente zophando ukuba maziphande ngotyelelo lwegqiza lakwaSirayeli eBathenjini eNkululekweni eMthatha kutsha nje.
INkulumbuso uMabuyane uthi olutyelelo lwenzeke ngaphandle kwemvume yeziphathamandla zeli phondo kwaye olutyelelo lophule umthetho. Igqiza lakwaSirayeli elo belindwendwele iKumkani yabaThembu futhi lakhatshwa yiyo ukundwendwela izibhedlele neyunivesithi zeliphondo ezikwimo eyintlekele nezidinga inkxaso.
Igqiza ebelimele uSirayeli lithembise ngokuphucula iinkonzo ezibalulekileyo eziquka ngokuziswa kwamanzi acocekileyo eluntwini nokuphuculwa kwemeko yezibhedlele zeliphondo.


