Crime & SafetyEducationLocalNews

Umfundi udlwengulwe ngamadoda amathathu 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mthatha

Isabindekile emphefumlweni intombazana edlwengulwe ngamadoda amathathu kwisikolo iZimbane TVET College eMthatha, ngosuku lwezithandani. Le ntombazana eneshumi elinesithoba leminyaka ubudala ekhaya layo liseSibangweni eLibode kuvakala ukuba yayizintyintye ngobhelu lomsele. Yesuka kulondawo yolonwabo yayolala egumbini layo apho ithi yangenelwa zizijem-jem zamadoda amathathu ayidlwengula. Baye bayithatha bayoyidlwengulela kwigumbi lomnye umfundi. Ngokwengxelo yalo mfundi udlwengulwe ngoonogada ababini abasebenza kweli ziko nomnye umfundi. “Ndizamile ukuvula ityala emapoliseni kodwa andilufumananga uncedo. Ndiye ndayokwenza uvavanyo lwencindi yofuzo (DNA) kuGqirha. Iingxelo ndizakuzifumana ekupheleni kwenyanga yoKwindla. “Ngelixesha bandenza lento bendisoyika ukukhala kuba bendicinga ukuba bazakundibulala,” icacise yatsho le ntombazana enesingqala.

Umphathi weliziko akabonakalisanga mdla, engabonakalisanga nomothuko, kunjalo nje akanikanga nethemba lokuba uzawukwenza uphando lwangaphakathi. Singasemfuthweni, sizoniphakela ngokugcweleyo elinqaku. UNogada otyholeka kwesi siganeko usiwe emapoliseni ngabazali bakhe waze wanqakulwa wavalelwa. Kulindeleke ukuba avele enkundleni kaMantyi eMthatha kule veki.