Kuvulwe indlela entsha kwilali yakuNdabakazi
Intatheli: Anele Raziya | Ndabakazi

UMphathiswa wezoThutho kuzwelonke, uBarbara Creecy uthe ukuvulwa kwendlela ibisakhiwa kwilali yakuNdabakazi, eMnquma kuza kwandisa amathuba wokhuseleko kula ndlela.
Indlela yakuNdabakazi ibifudula isematheni ngenxa yegozi ezithanda ukwehla kuyo ingakumbi ngexesha leeholide enyakeni.
I-Arhente ejongene nokwakha iindlela kweli, iSouth African National Roads Agency (SANRAL) iye yahlaziya indlela yakuNdabakazi yayokha ngokutsha ukuze ibekumngangatho ophezulu kwaye ikhuseleke kuzo zonke izithutho.
Lo msebenzi uye wathatha inyanga ezingaphaya kwenyanga ezilishumi elinesithathu kwaye abantu abanga229 kunye neenkampani ezisakhulayo ezinga49 ziye zaxhamla kumathuba emisebenzi evele kule projekthi yokwakhiwa kwale ndlela.
UMphathiswa uCreecy uthe kuchithwe imali eqikelelwa kwihafu yebhiliyoni (half billion) ngexesha kusakhiwa lendlela yakuNdabakazi okokutsha.

Uthe yakhiwe yakumngangatho ophucuke kakhulu ngoku indlela yakuNdabakazi kwaye be ngurhulument balindele zinciphe okanye zingabikho iziganeko zeegozi zeemoto kula ndlela.
Kwiminyaka edlulileyo kwindlela yaNdabakazi edibanisa iGcuwa neMonti kunye neNgqamakhwe bekusoloko kusaziwa ngeentsuku zeeholide soze kungabikho siganeko sokutshayiswa komntu okanye sokutshayisana kwemoto. sibikwayo.
Kodwa emva kokuba kuvulwe lendlela intsha ibizwa ngokuba yiNdabakazi interchange kwintsuku ezidlulileyo, uMphathiswa wezoKhuseleko noThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha noCreecy bathe izakuncedisa kwical lokhuseleko kwaye bahlaba ikhwelo kubaqhubi ukuba bahlale balandela imithetho nemigaqo yeendlela ingakumbi ngexesha zeeholide zokuphela konyaka.
Inkosi yelali uMzikabawo Luzipho uthe wabulela ukuphuculwa kwale ndlela watsho esithi nabahlali baye baxhamla kumathuba emisebenzi abangelwe kukwaakhiwa kwale ndlela.
UNkosi uLuzipho uthe ukuphuhliswa kwale ndlela kuza kuncedisa nakuqoqosho njengoko kukho nerenki yeteksi esecaleni kwale Ndabakazi Interchange.
UCreecy uvalelise ngelithi be ngurhulument bazakuqhubeka nenzame zabo zokuphucula indlela ezibonakala zingekho kumngangatho oncumisayo.
Â
