Bafaka uphum’aphele kwabokufika
Edition: 30 April 2026 – 14 May 2026 Intatheli: Monwabisi Khininda | Ngcobo
Abahlali bedolophu yasePort St.Johns kwelamaMpondo aseNtshona babambe umngcelele ngoLwesihlanu benyanzelisa ukuba abaphambukeli abasuka kumazwe aseAfrika babakhwelele.
Ukanti uMasipala wasePort St. Johns uthe uzoncedisana nabahlali ukukhokhelisa iimfuno zabahlali kwaye esitsho ethembisa ngelithi xa ecoca idolophu akazujongisa kwabokufika kuphela, kodwa uzochaphazela nabo bashishina ngokungekho semthethweni bencedisana nabokufika.

