Kulunyukiswa abasetyhini ngokuqhathwa ngothando lobuxoki
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mzantsi Afrika
Isebe loPhuhliso lweNtlalo kuZwelonke lilumkisa amanina ahlale evundlile ayeke ukuvuma amfanyekiswe luthando lobuxoki. Oku kulandela ukuhlangulwa kweentwazana ezimbini eneminyaka elithoba kunye neneshumi elinesihlanu leminyaka abebexhwilwe yindoda yaseMalawi. Aba bantwana baxhwilwa ngo-2024 bekunye nonina wabo owayethandana nalendoda kunye nomakhulu wabo. Ixhoba lesine ngumakhulu wabo owathethelwa yonke imali yomhlalaphantsi yilendoda waphnda wacetyiswa ukuba athengise yonke into anayo ukuze bayophila ubomi obumandi eMalawi.
Isebe lithi abazali babenyanzeliswa bahlawule ngokuhlala kwelalizwe kungenjalo baxelelwe ukuba kuzokonzakaliswa abantwana ababegcinwe kwenye indawo. UGqirha Tebogo onguMqondisi kweli sebe uthi aba bantwana babuyiselwe ekhaya emva kokuba umama wabo nonina wakhe bephonculisile babuyela kweli. Uthe bagaleleke nje baleqa kwisikhululo samapolisa beyochaza ngento ebehleleyo kweli ngaphambi kokusiwa eMalawi nendlela abebephatheke ngayo apho de baphuma esihogweni. UGqirha Tebogo uthi yonke imali yomhlala phantsi kamama wentombi eqhathwe ngothando lobuxoki .Sibhala nje lo makhulu akanalo necephe kwaye uphila ngokuhlala kumaziko abantu abangenabani.
Ingxelo yesebe ithi emva kokuvavanywa kwabantwana kwilizwe laseMalawi ngaphambi kokubuyiselwa ekhaya akukho mpawu zakuxhatshazwa ngesondo zibonakaleyo nangona besafuna kwenziwe uvavanyo lwesibini nguGqirha weli ukuqinisekisa ezo ngxelo.Uphando lwamapolisa luyaqhuba ngokwenzeke kumaxhoba.
