Banikwe impahla zobusika eSiyakhana
29 June 2023 – Yonela Mpaka
Ngcobo
Ikhaya eligcina abantwana nelibizwa iSiyakhana eNgcobo lithe lanikezwa impahla ukutya kwakunye nefenitshala zivenkile zase Ngcobo. Eliphulo lokuxhasa elikhaya lihlatywe ngumbutho wabahlali nobizwa iSANCO. Ikhaya eli belingaqali ukuxhaswa nanjengoko namalungu ombutho we Anc kwinyanga esizishiya ngasemva athi asa impahla kwakunye nokutya. Sele iyiminyaka ikhaya eli liqhuba nelinjongo ukususa abantwana ezitalatweni bangene kwelikhaya ukuze bazokwazi ukuqhuba nezifundo nokukwazi ukukhula ngendlela efanelekileyo.
Ikhaya eli linekomiti elawulayo kwizinto zonke ezenzekayo. Umama uSizeka Guma nokulekomiti uthi bayaxhaswa kakhulu ngabantu bayazisa izinto ezinceda abantwana kuba bonke bayafunda.”Silelikhaya samnkela yonke into ezayo kuba sifuna abantwana bangaziboni ngathi bakhethekile kodwa bazibone bekwikhaya elifudumeleyo, sihlaba ikhwelo lokuba nabanani ofuna ukuzisa into sizivulile izandla, sibulela kakhulu kumbutho weSANCO nongumbutho wabahlali nakwivenkile ezifake isandla kuba abantwana ngoku bazakunxiba, sithi bangayeki ukumane bezosikroba, “utshilo uGuma. Enye yebhanki zaseNgcobo nayo ithe yanikeza ngefenitshala kwelikhaya. Izitulo ikhabhathi isofa zize nebhanki le.
Abombutho we SANCO badlulise amazwi enkuthazo kubantwana abagcinwe kwikhaya eli ukuba bafunde incwadi zabo ukuze bazobazinkokheli zangomso. UThembalethu Vabaza nokumbutho lona uthi ukujonga apho kuswelekhona ngumsebenzi wabo lowo kungoko bebone ukuba mabakhe bayocela kosomashishini. “Sizive sonwabe kakhulu xa kuza nempahla kuba kuyabanda ngoku abantwana sifuna bahlale befudumele ukuze bangake bacinge apho basuka khona, sifuna ubakhuthaza ukuba kwezizikolo babekwe kuzo bafunde, ukubona abantwana besezitalatweni besitya iziyobisi kokona kusichukumisa kakhulu oko sisithi nakubazali mabakhe babahoye abantwana bangabingomaxhoba abhadula esithubeni, “utshilo uVabaza. Ikhaya eli linabo nonontlalontle abaqwalasela abantwana nabasuka kwelasebe lezophuhliso loluntu.


