Arts & CultureLocalNews

AmaNkomo abhiyozele iBuyambo kuGompo 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Gompo

AmaNkomo abhiyozele iBuyambo yawo eCove Rock kuGompo City. OoMntungwa bebephume nkwalana zonke ezozimasa umnyhadala weshumi elinesithathu leBuyambo yamaNkomo. Lo mnyhadala ubuzinyaswe ngamaNkomo aphuma kwiphondo laseNorth West eFree State nakwidolophu eziliqela kwiphondo leMpuma Kapa. Lo msitho ubusingathwe kwikhaya lakwaSifika. NgoLwesihlanu amaNkomo abambe intlanganiso apho kuye kuxuvathwe iingxaki ezidla amaNkomo kwiindawo azinze kuzo. UGolela Ben-Mazwi okwisigqeba esikhokele le minyhadala ubalule wenjenje: “Kule intlangniso kuye kwavela ukuba sinabantu abawuchana ncakasana umcimbi xa kufikelelwa ekwenzeni amasiko akwaNkomo. Akukho Nkomo linokuthi xa libhidwa ngumhlola lizixhome kutat’uNqevu kuba nathi sinabo abantu abawubambileyo umcimbi.”

Isithethi esiphambili ibingolilungu lePalamante eBhisho uMlibo Qoboshiyana uMntungwa ngokwakhe.Kwintetho yakhe ukhuthaze umanyano lwamaNkomo jikelele. Uphakamise umba wokusebenzisana nokuncedana kumaNkomo. UGolela Ben-Mazwi oligosa loqhakamshelwano namajelo eendaba uthe iBuyambo yamaNkomo iphumelele ekumanyeni amaNkomo kweli loMzantsi Afrika.” AmaNkomo anoluhlu lweefani ukwenzela ukuba sazane,sixhasane ebubini basebuhleni.”UBen-Mazwi uthe amaNkomo aseKobodi eGcuwa ngawo azakube esingathe lo mnyhadala.