IPolisa lidubule labulala amasela amathathu
Yintatheli yeKhwezi
Kuqhume irhuluwa amasela emfuyo etshintshiselana ngelophisi nepolisa lecandelo elilwa ubusela bemfuyo kuQumbu ngeLwesihlanu weveki ephelileyo.Ngokwengxelo esi siganeko senzeke kwilali iMaladini,ipolisa lesithili sase-OR Tambo lisinde ngezika Sibi ngthuba lisamkela uthotho lweembumbulu luthululwa yimipu yamasela amathathu abaqhuba iinkomo ezebiweyo kwintseni yangoLwesihlanu.
Ingxelo yamapolisa ihambisa ithi elinye ipolisa lihlangene neembila zithutha ngethuba lidutyulwa ngamasela amathathu axhobileyo.UCaptain Welile Matyolo uthi ngethuba bekhwelisa le mfuyo kwisigadla enye indoda ibalekele komnye umzi okufuphi.Ngethuba ipolisa libuzisa ngayo kwindoda ebiphandle kulo mzi.Le ndoda ingene kwindlu enguronta aphao kuphume uthotho lweembumbulu kudutyulwa umntu womthetho.Ipolisa liye laphendula labulala amadoda amathathu.Amapolisa afumene imipu emithathu eluhlobo lwe-9mm engenawo amaphepha mvume kwaye iinombolo zikhuhliwe.
Amapolisa e-IPID abizelwe kwindawo yexhwayelo ukuze aqhube uphando.Kuvulwe amatyala ophando amathathu,kuphinde kwavulwa amatyala aquka ukuzama ukubulala,ukuhlasela amapolisa,ukufunyanwa nemipu ngaphandle kwemvume,iimbumbulu kunye nokufunyanwa nemfuyo yobusela kuba kufunyenwe iibhkhwe ezilithoba zivalelwe emkhukhwini.


